‘Musani ukungxama, kuse kusasa’

UBobby Motaung noSteve Komphela basengxakini enkulu ngenxa yokungaphumeleli kweKaizer Chiefs kule sizini. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix.

Umanejala weKaizer Chiefs, uBobby Motaung, uphinde wajamelana nengqumbo yabalandeli emva kokubethwa kweqela lakhe. Nakubeni kunjalo, okaMotaung uthi inkomo isakhoth’enye – akukabikho mfuneko yanguqu. Abalandeli beChiefs bahewule bekhwaza uSteve Komphela besithi makehle esihlalweni.

Oku kwenzeke emva kokuba Amakhosi ephise ngomdlalo kwiBaroka FC ewabethe ngo’2-1 nangona ebeqale akhokela kumdlalo wePSL obuseMoses Mabhida Stadium. Amakhosi aphumelele imidlalo emibini kuphela kwimidlalo esixhenxe ayidlalileyo kule sizini. Ubufede bawo (Amakhosi) bucaphukisa kakhulu abalandeli abebenxanelwe impumelelo emva kwendlala yeesizini ezimbini zonke eNaturena phantsi kukaKomphela.

UBobby uthi akasiboni isizathu sokuthatha izigqibo ngokungxama ngoba kuse kusasa kakhulu futhi kusekho abadlali abangekalifumani nethuba lokudlala. “Le nto iyandixaka. Xa iqela lidlala kakuhle kunconywa umqeqeshi – kodwa xa libethwa kugxekwa uBobby. Nangoku ndisatsho, abadlali esibatyikityileyo bakwizinga eliphezulu. Abanye babo abakalifumani ithuba lokudlala kwiChiefs,” utshilo uBobby kwiSolezwe.

Rhoqo xa kukho okungahambi kakuhle, abalandeli bebhola banesimbo sokukhuphela umsindo wabo kuBobby nangona oyena mntu olawulayo nguKaizer Motaung kwiChiefs.

Bathi ke bakungasatyelwa babhence intiyo abanayo kuBobby Motaung. “Mna ndithi masilinde kuphele isizini ukuze sibabone nyhani ukuba abekho kwizinga leChiefs. UBobby akanguye umqeqeshi; ungumanejala weqela. Izigqibo akazithathi yedwa. UBobby akanguye futhi nomnikazi weqela. Angaliphatha njani iqela elingaka yedwa? KwiChiefs kukho isigqeba esilawulayo nekomiti yabaqeqeshi ezihlala phantsi zithathe izigqibo. Andazi ndingayichaza njani le nto – kodwa nani zintatheli ninomthelela kwindlela enibalisa ngayo,” utshilo uMotaung.

Kuye kwanyanzeleka okokuba uKomphela akhuselwe ngamapolisa nabadlali ukuze akwazi ukuphuma ebaleni. Uyasigxeka kakhulu esi senzo sabalandeli uMotaung.

“Asikho isidingo sokuxhamazela, iChiefs ayikho kwimeko emandundu. Asikwazi ukuthi umqeqeshi makahambe sisaphulukene nomdlalo omnye qha. Umqeqeshi usenesivumelwano futhi ke akayindawo,” utshilo uMotaung.