Nabathelekisi banoxanduva ekunqandeni imfuduko

Kwikhasi eligqithileyo besigxile kwindlela imiqodi yeembethi manqindi zethu ezishiya ngayo iphondo lazo lokuzalwa.

Sawucakaca umcimbi siwuhla amahlongonwane, sibeka zonke izizathu endikholelwa ukuba zenza le mfuduko.

Imiba esiyibethe ngoyaba yindima edlalwa ngabathelekisi kule mfuduko, nakwimfuduko ephakathi kweentlanti zabaqeqeshi abahlukeneyo kweli phondo, le nto singathi yimfuduko yobukhaya.

Ukuze sikwazi ukuchancatha kumgca onguwo ke, kufuneka sikwazile ukuhlalutya umthelekisi nendima yakhe ukuze sikwazi ukumbona xa etsiba ilitye likaphungela okanye esemkhondweni.

Umthelekisi umsebenzi wakhe omkhulu kuneminye kukuqiniseka ukuba abadlali abatyike isivumelwano sengqesho yokulwa siyafezekiswa ngalo lonke ixesha.

Kumaxesha angaphambili umthelekisi wayenobuhlanti bakhe, kwaye ekwazi ukukhwela eqongeni ecebisa imbethi manqindi yakhe. Emva kokuphendlwa kwemithetho ethile yiBoxing South Africa kwacaca ukuba oku makuguzulwe.

Izizathu ebizibangela oku, zezokuba abathelekisi ngabo ababiza iimbethi manqindi zombini ukuba ziqubisane kwaye ikwangabo abahlawula abahleli bemilo okanye abagwebi. Ukuba bayayekwa bakhwele eqongeni bacebise bangabangela umbathalala kubagwebi, bazibone sele begweba ngecala labathethelekisi.

Oku kunqunyanyiswa kwinto abathelekisi abesele beyiqhelile akuhlanga kakuhle kuninzi lwabo. Kwabangela ukuba babenamaqhinga namaqhingana okuqinisekisisa ukuba iimbethi manqindi bazixhase ngolunye uhlobo. Into ebangela ukuba abathelekisi ukuba bafune ukuba nesandla kwimbethi manqindi kukuba kaloku bafaka inkuntyula yemali yabo, ngoku babona ingathi bayalunyulwa kwinkqubela yembethi manqindi.

Zonke ezi zinto zenze ukuba babeke amathemba abo kubaqeqeshi nabaphathi ukuba bajongane neemveliso zabo.

Kuthi kwakungazalisekiseki ke oku izinto zingabintle luqale unxunguphalo, baxoze mphini wumbi. Ngulo mphini ke lo ubangela iimfuduko zasekhaya nalapho iimbethi manqindi zitshintsha abaqeqeshi kuba kukho umthelela wabathelekisi.

Abathelekisi banabaphathi abaphantsi kwabo okanye abasebenzela aba bathelekisi, oku kwenza ukuba abathelekisi bakwazi ukucakaca amakhwenkwe babase kubuhlanti obuthile.

Abathelekisi ke nabo ngaphambi kokuba bakhusele imveliso yabo kufuneka bayiqonde ukuba banoxanduva lokuza nozinzo kulo mdlalo. Kwimidlalo efana nebhola yenyawo kubakho imithetho eqamangela umdlali kwiqela ixesha elithile, anyanyezelwe sele kungatsitsi nto kuba kunqandwa oku kutulatula kwabadlali. Ingxam yomxholo wam kukuba sikunqade kangangoko ukuzula kweembethi manqindi nokuba kulapha ephondweni okanye kufudukwa ngaphandle.

Ngaphandle kokuba size nezithintelo eziqamangela wonke obandekanyekayo kulo mkhwa, nalapho sizakufundisana ngombathalala oza nalo mkhuba.

Into iphumile kunina ishiyeke nosana!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!