Nathi Mthethwa: Ibhola yomnyazi eMzantsi Afrika ilahlekelwe

Iphupha labantwana abaphuma kwiindawo eziphantsi kwe-O.R.Tambo Municipality lokudlala ibhola yomnyazi kwinqanaba eliphezulu liphelele emoyeni emva kokungqingwa kukufa endleleni eya kwitumente kazwelonke eNtshona Koloni. Oku kwenzeke emva kokuba ibhasi ebelihamba ngayo iqela lomnyazi lase-O.R.Tambo ibhukuqe ngeCawe ephelileyo endleleni yekwidolophi yase-Aberdeen ekuphumeni eMpuma Koloni endleleni eya eBellville – apho bekuza kuqala imidlalo yeSpar Netball Championships ekuqaleni kwale veki ngoMvulo. Kuloo ngozi konzakele amashumi amabini anesihlanu kwaze kusweleke abantu abane: uNocamagu Mvunyiswa obengumqeqeshi noPhelo Charless, Indiphile Mfengu noThabisile Maxikika abangabadlali.

Umphathiswa weZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni, uNksz. Fezeka Nkomonye, uvakalise ukukhathazeka kwakhe sisiganeko esisube imiphefumlo yabantu abane. UNkomonye uthumele amazwi ovelwano kwabaswelekelweyo kwelinye icala uthe ufuna ingxelo egcelweyo kumagosa ezothutho eza kubhentsisa unobangela wokuwa kwebhasi. Ngokuqengqeleka kweentsuku, amazwi ovelwano aye aphokoka ngokuphokoka. Umphathiswa weZemidlalo kazwelonke, uMnu. Nathi Mthethwa, ukuchaze ukubhubha kwabadlali njengelahleko enkulu kwilizwe loMzantsi Afrika. “Ndifuna ukuthi ngxe kuzo zonke iintsapho ezilahlekelweyo,” utshilo uMphathiswa.

Ukubhubha kwabadlali yinto embi kakhulu ebholeni yomnyazi eMzantsi Afrika. Ngabadlali abebesiya kwitumente eza kukhupha abadlali abaqaqambileyo abaza kumela ilizwe kwitumenye yehlabathi (Netball World Cup) eza kubanjelwa eKapa ngonyaka ka-2023,” utshilo uMthethwa oyalele isekela lakhe noNkomonye ukuba banike inkxaso zonke iintsapho ezichaphazelekileyo. Naye uMongameli weNetball South Africa, uNksz. Cecilia Molokwane, uvakaliswe ukothuka nokukhathazeka kwakhe yingozi eyenzeke ngeCawe ekuseni. Kwenziwe inkonzo emfutshane ebikhokelwe nguMolokwane kwathiwa itumente mayiqhubele phambili ngokwendlela ebekucwangciswe ngayo nangona elinye iqela lingakwazanga ukufika.