“Ndicinga ukuba asibahlazanga abalandeli bethu”

Lionel Messi of Barcelona challenged by Tiyani Mabunda and Motjeka Madisa of Mamelodi Sundowns during the 2018 Mandela Centenary Cup Friendly match between Mamelodi Sundowns and Barcelona at FNB Stadium, Johannesburg on 16 May 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iintshatsheli
zaseSpain – iBarcelona – zifike zenza isitshingintshane ngonyezi kwisikhululo seenqelo-moya (O.R.Tambo
Airport) zagqibezela eFNB Stadium ebusuku – kodwa uPitso Mosimane ucinga ukuba
iqela lakhe alibaphoxanga abalandeli. IMamelodi Sundowns iquthiswe ngo’3-1
izolo kumdlalo obutak’iintlantsi phambi kwabalandeli bebhola abasondele
kumashumi alithoba amawaka (90 0000), eFNB Stadium. Umqeqeshi weDowns, uPitso
Mosimane, uxelele amajelo eendaba ukuba wonelisekile yindlela iqela lakhe
nakubeni ecinga ukuba zibekhona iimpazamo elizenzileyo emva.

Image may contain: 3 people, people playing sports and outdoor

Luis Suarez of Barcelona celebrates goal with
teammates during the 2018 Mandela Centenary Cup Friendly match between Mamelodi
Sundowns and Barcelona at FNB Stadium, Johannesburg on 16 May 2018 ©Muzi
Ntombela/BackpagePix

Amasandawana
agxizwe kabuhlungu ngabadlali beBarcelona emva kokugqwidiza kakubi kwimizuzu
yokuqala yomdlalo – kodwa umdlalo (wawo) uye waphucuka kwisigaba sesibini
somdlalo afumene kuso igowilo lobika. UPitso uthi amagowuli amabini afakwe
yiBarcelona iphiwe ngabadlali bakhe. “Ndicinga ukuba uye wacaca umahluko
phakathi kweRandi ne-Euro,” utsho eqhula uMosimane.

“Sizihlawulele
iimpazamo zethu namhlanje. UBangaly wenze impazamo enkulu ngokunika uDembele
ibhola aye wafika emnatheni. UKekana uphise ngebhola naye – bayisebenzisa lo
bhola. Elinye igowuli balifumene kuba beyiBarcelona,” utshilo uMosimane.

Image may contain: 5 people, people playing sports, stadium and outdoor

Sibusiso Vilakazi of Mamelodi Sundowns
celebrates goal with teammates during the 2018 Mandela Centenary Cup Friendly
match between Mamelodi Sundowns and Barcelona at FNB Stadium, Johannesburg on
16 May 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UJingle uvumile
ukuba ngokwenene iBarcelona inike iSundowns yakhe umdlalo osemgangathweni
ophezulu – kodwa nayo iSundowns ikwenzile ebifanele ukukwenza. Kwelinye icala
uPitso ucinga ukuba iziphumo zomdlalo ngezahlukile ukuba umdlalo
ibingengowobuhlobo. “Yah, umahluko ububonakala – iBarcelona liqela
elisemgangathweni ophezulu. Ibonakele lo nto kwindlela abanikelana ngayo
ibhola. Siwafumene amathuba wokufaka amagowuli, yindlela ebendifuna badlale
ngayo abadlali bam. Kodwa andifuni sizikhohlise, umdlalo ibingowobuhlobo. Ukuba
umdlalo ibingengowobuhlobo – izinto ngezahlukile. Ndicinga ukuba asibahlazanga
noko abalandeli bethu. Sidlale ibhola,” uvale ngaloo mazwi uMosimane.