Ndifuna ukubuya nentshinga eGoli, utsho uMbumbulwana

ULuthando Mbumbulwana, oza kulwa no-Innocent Mantengu, ukhatshwe ngamazwi wenkuthazi ngusodolophi waseNyandeni Local Municipality, uMnu. Mesuli Ngqondwana, phambi kokuya eGoli. Umfanekiso: Uthunyelwe

Imbethimanqindi yaseLibode, uLuthando Mbumbulwana, ithi izimisele ukuya eGoli ibuyele ekhaya nentshinga emva komlo wangomso. UMbumbulwana ukuthethe oku phambi kokundulukela kwiphondo laseGauteng – apho aza kuvana amandla no-Innocent Mantengu emlweni wentshinga yeJunior Featherweight onemijikelo elishumi elinambini. Le mbethimanqindi yaseBuntingville, eLibode, izimisele ukubuyisela isidima samanqindi e-O.R.Tambo ngokususa uMantengu phambi kwayo ibuye nebhanti ngoba oko kwakuyibeka endaweni entle kumanqwanqwa amanqindi kukhuthaze nezinye eMampondweni.

“Ubaluleke kakhulu umlo endiya kuwo ngoba uza kundinceda mna njengembethimanqindi. Okwesibini, ubalulekile umlo kule ndawo endiphuma kuyo yase-O.R.Tambo Municipality. Ayikho intshatsheli kule ndawo yethu. Onke amadoda aneetayitile ahamba kudala. Ngoku kuyanyanzeleka ndiphumelele ukuze kubekho into ekhoyo apha e-O.R.Tambo”, utshilo uMbumbulwana, ngokuzithemba emva kokudibana nosodolophi waseNyandeni Municipality.

Nangona efuna impumelelo eSandton Convention Centre – kodwa uMbumbulwana uyakwazi ukubaluleka kokuzilungiselela. “Amalungiselelo ahamba kakuhle. Ndakhe ndambona uMantengu esilwa intshinga noSonjica. Akukho nto endingayibalula eyingozi. Ndiyokuthatha ibhanti ndize nalo e-O.R.Tambo, ukuze kuphuhle umdlalo wamanqindi kule ndawo. Ukuphumelela kwam kuza kuhlahla indlela yabeza emva kwam abasafuna ukukhula emdlalweni wamanqindi. Umsebenzi wam kukuya phaya ndibuye nebhanti,” utshilo uMbumbulwana.

Ekuqaleni kweveki, usodolophi waseNyandeni, uMnu. Mesuli Ngqondwana, uthe: “Singumasipala sivuya kakhulu ngoba le nto ithi kulutsha: ukuba sezilalini, akuthethi kuthi abantwana bethu abanakuwafumana amathuba okuziphuhlisa kwezemidlalo. Kufuneka babone ukuba xa uzimisele, kubakho iziphumo ezifana nezi zikaLuthando. Nokuba akaphumelelanga – kodwa sicinga ukuba wonke umntu unomnqweno wokufikelela kwinqanaba akulo.” Phantsi kwegama lakhe, uLuthando uphumelele ishumi elinanye lemilo, wabethwa kwemithandathu.