‘Ndiza kubabonisa kakubi kwiBerlin November’

Ihashe eliphumelele kwindawo yokuqala kumdyarho wamahashe obukuBomela eDutywa kule mpela vekiIMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UBabalo Gibson – idyokhi etshatsheleyo kwiNgumbela Horse Racing – ithi kuza kwaziwana kwiBerlin November kulo nyaka.

Lo kaGibson ugoduke namashumi amabini amawaka erandi (R20 000) emva kokuba uKugqityiwe ephume phambili kumdyarho obukuBomela, eDutywa, kwiveki ephelileyo.

Kule tumente yokuqala eyasungulwa ngutat’ uMthetheleli Ngumbela bekudibene amahashe agqwesileyo apha eMpuma Koloni kwaye umgangatho wokhuphiswano phakathi kweedyokhi namahashe ubuphezulu ngeyona ndlela.

Eli hashe libethe amahashe amakhulu aquka * -Andazi waseTyekelebende eDutywa ogqugqisayo eMpuma Koloni.

Ukuphumelela umdyarho omkhulu yinto enkulu kwiidyokhi. Kunjalo nalapha kuBabalo Gibson onekamva kumdlalo wamahashe.

UKugqityiwe waphumelela iPiltini Race qha ngaphambili – kodwa uGeorge Gibson – umnikazi wehashe ebezithembe kakhulu.

“Ndonwabe kakhulu njengokuba siphumelele lo mdyarho iNgumbela Race. UKugqityiwe zange wawuphumelela umdyarho omkhulu njengalo – kodwa size sizilungiselele kakuhle. Ihashe lam liphumelele nje iPiltini Race kulo nyaka kwaye abanye abantu baze sebezixelele ukuba bazakuphumelela,” utshilo uGibson.

KuCentane yindawo abazalelwe kuyo – kodwa yindawo abafundele kuyo umdlalo wamahashe besebancinane. “Amahashe yinto yethu; isuka kuTata nakuTat’ omkhulu lo nto. Ndineminyaka elishumi elinesibhozo ndiphalisa amahashe. Njengakuyo yonke imidlalo, besimane sibethwa apha eminyakeni – kodwa ngo’2015 sabuya nayo iBerlin November ngehashe ekuthiwa Tshabalam,” utshilo uGibson.

Le nto yenzekileyo yimbali kuBabalo obephalisa uKugqityiwe kwaye yinto enkulu kuye ukushiya * -Andazi – elona hashe lizibaluleyo eMpuma Koloni.

“Ndivuya kakhulu kwaye nasekhaya bayavuya. Ndandiqinisekile phaya ngala mini kwaye ndilinde iBerlin November ngoku. Ndiza kubabonisa kakubi,” utshilo uBabalo.

Le dyokhi yaqala ukuphalisa ineminyaka emithandathu, ineshumi elinesibini ngoku kwaye ikamva layo liqaqambile.