Ngoku uDenis Onyango ugxeleshe indebe yeChampions League

iMamelodi Sundowns ibhiyozela indebe yeMTN8 emva kokubetha iCape Town City kumapenela eMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iphinde yazibonakisa kwakhona iMamelodi Sundowns ukuba ayinantanga ebholeni yaseMzantsi Afrika ngokuphumelela enye indebe ngempelaveki egqithileyo. Emva kokuyizingela iminyaka elishumi elinesine, ekugqibeleni, iSundowns ide yayibamba indebe yeMTN8 emva kokubetha iCape Town City ngo’3-2 kumapenela emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium. Ibikokokuqala iPSL uvumela abalandeli bangene ebaleni ukusukela oko kwafika idungamzi eliyiKhorona kunyaka ophelileyo. Bagoduke bengaphoxekanga kekambe ngoba umdlalo ubutaka iintlantsi nangona uphele amaqela ebambene ngo’1-1 emva kwekhulu elinamashumi amabini anesihlanu emizuzu.

Itsazise igazi kuqala iDowns ngebhola kaThapelo Morena kwisigaba sokuqala. Amakhwenkwe kaEric Tinkler abuye engamameli kwisigaba sesibini somdlalo. Emva kwexesha ezama, avuzwe ngegowuli lokulinganisa elifakwe nguFagrie Lakay. Kwicala loonozinti, iSundowns iphinde yazibonakalisa ukuba inoompondozihlanjiwe bodwa kwiMTN8 Cup. UKennedy Mweene wavala amapela aliqela weKaizer Chiefs emdlalweni wokuqala. Emdlalweni wokugqibela, uDenis Onyango wenze ngaphezulu ngokuvala isihlanu sonke kwisixhenxe samapenela akhatywe yiCape Town City. Kodwa nangona ebengoyena mdlali obeqaqambile eMoses Mabhida Stadium, uDenis Onyango ilincomile igalelo elenziwe ngoogxa bakhe emdlalweni.

“Siyibonile iCity ukuba ifuna umdlalo uye kumapenela. Besiqinisekile ukuba abanakuwufaka onke. Ezingqondweni zethu besisithi ngumdlalo wethu lo,” utshilo uKapteni weDowns emva komdlalo. “Asikwazanga ukudlala kakuhle ngethuba belawula umdlalo. Sibambelele emdlalweni emva kokuphosa amathuba. Bafumene ithuba balisebenzisa. Kuye kwanyanzeleka ndenze into eyenziwa nguKennedy ekuqaleni kweMTN8 emva kokukhunjuzwa ngumqeqeshi ngento awayenzayo. Bonke oonozinti babenendima abayenzileyo kolu khuphiswano. Ndicinga ukuba seso sizathu esibangele ukuba siphumelele,” utshilo uDenis othi ngoku ufuna indebe yeCAF Champions League.