UNongayindoda ongenandoda, ongenamntwana

EKUKHULENI kwakhe uNongayindoda, babemteketisa ngelikanonkwenkwana, bemqhitsa namathole bekwamntlonta nangeentonga.

Wasisigculelo uNongayindoda kuba akendanga, akanamntwana engenayo nendoda emthembise ngelobola.

Oku kuqulathwe kumbongo othi uNongayindoda obhalwe nguMthunzikazi A. Mbungwana kwincwadi yakhe yemibongo ethi Unam Wena.

UMbungwana ngunobalisa kwanomhlohli ongesosigxina kwicandelo lezobuGcisa bokuBhala kwiYunivesithi iRhodes apho wafumana khona isidanga seMasters kwiCreative Writing ngolwimi lwesiXhosa.

Mthunzikazi A. Mbungwana UMFANEKISO: OZ

Encokolela I’solezwe lesiXhosa ngalo mbongo, uMbungwana uthe: “Intsusa yalo mbongo kungenxa yokuba kukho abantu abathile ekuhlaleni abaye bajongwe ngendlela ethile ngenxa yendlela amile ngayo umntu, kuthwe uzenza indoda okanye kuthwe akanakudlala nabanye abantwana kuba uza kubafundisa imikhuba.”

“Mna ndithi uNongayindoda naye ngumntwana womntu. Ndiyikwekwa ngabom xa ndithi akazalwanga eyindoda uyazenzisa, ndibe ndiyazi ukuba uzelwe enjeya. Xa ubhala awubhaleli wena, kungenzeka le nto uyibhalayo kube kanti inentsusa esuka kuwe kodwa xa sele iphuma kuvakalelwe abaninzi,” kutsho uMbungwana.

Mthunzikazi A. Mbungwana UMFANEKISO: OZ

UMbungwana uthi ngalo mbongo uzama ukubonisa ukuba kukho abantu abadalwe ngohlobo oluthile.

“Thina sithanda ukuzenza uMdali, sithi abantwana abangamantombazana kufuneka bahlale ngohlobo oluthile, bahambe nabantu abathile, banxibe ngohlobo oluthile, bathethe ngohlobo oluthile. Balungiselelwa oobani aba bantwana (bangamantombazana)? Kuthwani kwabanye abangamakhwenkwe?” kubuza uMbungwana.

“Kuyo yonke le nto siyalibala ukuba uNongayindoda naye uneemvakalelo. Kunzima ukuba nguNongayindoda, kuba kuthwa uzenza indoda kodwa awuyondoda. Umntu kufuneka enze le nto arhalela ukuyenza, angacalucalulwa,” utshilo uMbungwana.