Ngoompetha bomnyazi abavunyiweyo iPE College

I-PE College Netball Club iphumelele indebe njengeqela elinkqenkqeza phambili kwitumente yomnyazi iMganu Memorial Tournament ebiseQonce eVictoria Grounds UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Italente, ukuzimisela nothando lwebhola yomnyazi zezinye zezinto ezithe zagqama kwenye yeetumente ezinkulu kwiphondo leMpuma Koloni.

Kwakusasa ngeCawe, amaqela omnyazi aphambili kweli phondo ebephekana esophulana eQonce kwibala ekuthiwa yiVictoria Grounds. Le tumente, eyaququzelwa yiKing Eagles ukusukela ngo-2014, ibuyile kulo nyaka emva kokuqhwalela kwayo ngenxa yokungabikho kwenkxaso. Kulo unyaka iye yaxhaswa yinkampani yamagqwetha, iMsamo Attorneys, ukuze iphumelele.

Le tumente ibizwe ngokuba yi-The Sizukiwe Mganu Memorial Tournament. UMganu, owasweleka ngo-2011 ngenxa yengozi yemoto, wadlala indima ebalulekileyo ekusekweni kweKing Eagles nakwibhola yomnyazi eQonce.

Ngethamsanqa kulo unyaka, le tumente ibizinyaswe ngoorhasatsha bamaqela abalishumi elinanye kwibhola yomnyazi kweli phondo afana neKing Eagles, iSada United, iQugqwala, iJaguars, iPE College namanye aliqela. Bekudlana iintsimbi ebaleni, ilelo nelo iqela lidlalela ukuya kwimidlalo yokugqibela yetumente.

Imini ibizolile, lo nto ibavumele abadlali ukuba badlale ngokukhululekileyo emidlalweni. Okuthe kwagqama kukuzimisela kwamaqela, ukuhlonelwa komdlalo womnyazi ngabadlali nabaqeqeshi emidlalweni ngokubanzi. Emva kwethuba elide amaqela ehluzana, kwimidlalo yokugqibela kuye amaqela aseQonce amabini abebanga ubusokhaya, iJaguars yaseMonti nePE College.

Ekugqibeleni, iqela laseBhayi (PE College) lilo elitshatsheleyo emva kokugqugqisa kwimidlalo eliqela elithe layidlala. Liyifumene kufanelekile impumelelo emva kokubetha amaqela abezimisele kakhulu.

Ngokuphumelela kwayo, iPE College igoduke namawaka amathathu eerandi (R3 000) nendebe.

Indawo yesibini ithathwe yiJaguars efumene amawaka amabini eerandi (R2 000) neKing Eagles kwindawo yesithathu efumene iwaka leerandi.

“Ndingatsho ukuba itumente ibintle kakhulu kwaye ibiphunyelwe – kodwa singabaququzeleli, siza kuzinika ithuba lokujonga indlela esinokuyiphucula ngayo kwilixa elizayo,” utshilo uNtlanganiso.