Nguhlahlindlela okwasisikhuthali sokwenene uNgqase

Inqununu yesikolo saseSajonisi, uThobani Joseph Ngqase, ukuvuyele kakhulu ukuhlangana kwabantwana bakhe nabadlali beProteas. Umfanekiso: Uthunyelwe

UMnumzana uThobani Joseph Ngqase wakwaBhaca ngutitshala onoxanduva lokulola ikamva lomntwana wesikolo esikolweni.

Kumatiletile okuzisa ukhanyo esizweni, uNgqase usebenzise imidlalo njengenye yezinto ezibalulekileyo njengokuba ekwicandelo lezemfundo.

Phaya ngo2010, ilali yaseNtusini nesikolo saseNomnandi Junior Secondary School zabanethamsanqa xeshikweni zifikelwa nguhlahlindlela, isikhuthali sokwenene – uNgqase, esasiphethe izinto ezimbini: imfundo nemidlalo, ezona zinto zilulutho ebomini.

Kuba ukuphuhlisa iyinto ayithandayo, uNgqase ufike waququzelela ukudlalwa kwemidlalo eNomnandi. Ngelo xesha kwakungekho nomnye umdlalo owawudlalwa esikolweni.

Wagxila kwiqakamba ngoba yeyona nto wayeyiqhelile kwaBhaca – apho wayesuka khona.

Abantwana abadlala iqakamba eNomnandi bafumene ithuba lokufunxa ulwazi kubadlali beqela lesizwe eMonti phambi komdlalo obuphakathi kweProteas neZimbabwe, eBuffalo Cricket Stadium.

Yaba lusuku olubalulekileyo ebantwaneni nakuNgqase ngoba into eyenzekayo bekuqiniswa iinzame zakhe zokuqinisa iqakamba ebantwaneni ukuze bawubone njengomnye wemidlalo abanokuyidlala nokuba baphuma ezilalini.

“Kwakunzima ukuqala iqakamba elalini ngoba umdlalo wala ndawo yayiyibhola ekhatywayo. Kwanyanzeleka ndithenge ibhola ukuze baqale badlale yona ebaleni. Emva kwexesha, sasiyibeka ecaleni ibhola, sithathe ibhethi. Babanomdla abantwana emva kwemidlalo yephondo. Sathatha igenge edlala kwiMini-Cricket sayisa khona. Umdla wakhula ngoba babuya babalisela abanye. Yaqala yakhula kanjalo,” utshilo uNgqase.

Abantwana baseNomnandi babonise izakhono zabo ngethuba beziqeqesha nabadlali abafana noQuinton de Kock, uLungi Ngidi noRobin Peterson kwiveki ephelileyo.

Emva kokuzibonakalisa ebaleni, abantwana bakaNgqase banconyiwe kakhulu nguPeterson.

“Sizibona njengabantu abanethamsanqa kakhulu singabantu bala lali ngoba ngo2015 sasilifumene ithuba lokudibana nabadlali beProteas – kodwa nanamhlanje silapha kwakhona. Yonke le nto ithetha ukuthi kwindawo esisuka kuyo ikhona italente – kodwa ifuna kubekho indlela yokuyijonga nokuyilungisa. Bonke abantwana bebejula, beqhokra ibhola yeqakamba futhi bebonwabile bonke. Into esiyifundisayo thina esikolweni kukuba makufundwe kuphindwe kudlalwe ukuze sigcine abantwana sibeva bade bakhule,” utshilo uNgqase.