Nguhlahl’indlela uBavuma

Ukudlala kakuhle kukaTemba Bavuma kwiqela lesizwe leqakamba kunika ithemba abadlali abaninzi abamnyama njengokuba iinkokeli zemidlalo zishukuxa indlela ekunokumiliselwa ngayo iinguqu kwezemidlalo eMzantsi Afrika.

Le ngqungqumbana yakwaBavuma ivule umdlalo we-ODI okokuqala ngethuba iiProteas zidlala ne-Ireland eSahara Park Willowmoore. Kulapho uBavuma enze khona umsebenzi oncomekayo nafumene khona ikhulu neshumi elinesithathu lemitsi.

Ngoku ungumdlali wesibini kwimbali yeqakamba eMzantsi Afrika ofumene ngapahaya kwekhulu kumdlalo wokuqala we-ODI emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe i-Ireland.

Imitsi kaBavuma, engaphaya kwekhulu, incedise iqela lesizwe eliphumelele ngemitsi engamakhulu amathathu, amashumi amahlanu anesine kuwe oothinti abahlanu qha emva kokunikwa uxanduva lokuvula umdlalo.

Isiqalo sakhe besingenawo amandla – kodwa kuthe ngokuhamba kwexesha waswabuluka uBavuma. Nangona lo mdlali ebengakulindelanga oku akufumeneyo kulo mdlalo – kodwa into ayenzileyo yenze yezinto ebiphezulu kwizinto ebezicwangcisile phambi kokuqala kwesizini.

“Andinawo amava kwicala lokuqhokra. Emdlalweni ndazama ukumelana nemiceli-mngeni. Ndazibetha iibhola ndisebenzisa indlela eqhelekileyo yokudlala. Kumangeno wethu ndandiqhanile – kodwa ndakhululeka ngokuhamba komdlalo,” utshilo uBavuma.

Le ndedeba income uQuinton De Kock eqale naye kwiveki ephelileyo ngokuyinceda njengomdlali obeqala kwimidlalo ye-ODI.