‘Phakama Gqwashu, ixesha lakho lifikile!’

Umqeqeshi omtsha wamabhokobhoko uRassie Erasmus, nokapteni wamabhokobhoko uSiya Kolisi eRhawutini

Iqela lombhoxo laseBhayi elibizwa ngokuba yiAfrican Bombers Rugby Football Club lithi ukubekwa kukaSiyamthanda “Siya” Kolisi njengoKapteni weqela lesizwe iSpringbok, kubonisa inguqu embhoxweni.

Ukuchongwa kukaKolisi kubhengezwe ngumqeqeshi omtsha weBoks uRassie Erasmus kwiveki ephelileyo, kwaye kubonwe njengelona nyathelo licacileyo xa kuthethwa ngenguqu embhoxweni.

IBombers eyayidlalelwa nguKolisi, kunyaka ozayo izakube ibhiyozela iminyaka engamashumi amathandathu isebenza.

UZola Tengile uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba beliqela bazingca kakhulu ngokunikwa kukaSiya isikhundla esiphezulu kwiqela lesizwe.

“Sikunye nawe Siya njengoko uza kuphakamisela phezulu ibhanile yeBombers neyaseBhayi. Sithi huntshu mntan’ omgquba, phakama Gqwashu, ixesha lakho lifikile.

“Imilomo ayivaleki kuthi ingakumbi kuba le nto siyibona iyinkuthazo enkulu kulutsha lwethu olusabaleka eluthulini kwiilokishi zaseZwide, Gugulethu, Mdantsane, eSoweto naseMlazi. Siyakwazi ukuzithoba kwakho, sinethemba lokuba kuya kukuphumelelisa nanjengoko kuqhele ukwenzeka,” utshilo uTengile.

Amehlo aza kube ekuSiya Kolisi ngempelaveki xa Amabhokobhoko edibana neNgilane kumdlalo wovavanyo oza kube useEllis Park Stadium emalanga ngoMgqibelo.

Amakhwenkwe kaRassie Erasmus aya emdlalweni ephantsi koxinizelelo emva kokubethwa yiWales ngo’22-20 kumdlalo obubanjelwe eMelika kwiveki ephelileyo.

Kwimidlalo yovavanyo emithathu eza kudlalwa nguMzantsi Afrika neNgilane, nguKolisi oza kube ekhokele iqela.

URassie uvumile ke kambe okokuba umdlalo weveki ephelileyo ubungancumisi. UBongi Mbonambi uza kuqala umdlalo ngoMgqibelo njengehuka.

OkaMbonambi ungena endaweni kaMalcolm Marx owonzakeleyo ngoba umqeqeshi ukhangela umdlali onamava kwimidlalo yovavanyo.

“Kwimidlalo efana nalo uzayo, kuye kufuneke abadlali abanamava kwimidlalo yovavanyo njengaye uBongi. Uza kudlala kule veki ngoba isimo sakhe somzimba sihle. Ndiza kukhetha phakathi kukaAkker van der Merwe noChilliboy Ralepelle. UBismarck noFrans Steyn baya kuhlolo lwempilo eFrance, thina sakufumana ithuba lokubajonga kwiveki ezayo,” utshilo uRassie kule veki.