Pitso: Makanikwe ithuba u-Ertugral

AmaBhakaniya anxubile ngenxa yokubethwa kwe-Orlando Pirates izihlandlo zolandelelana ngamaqela ekhuphisana nawo kwibhola yeli lizwe loMzantsi Afrika.

IPirates iyantywizisa emva kokubethwa yiMamelodi Sundowns ngo’3-1 izolo kumdlalo weDr Hage Geingob Cup eNamibia.

Kwiveki ephelileyo ngoMgqibelo iPirayes ibethwe ziintshaba zayo ezinkulu iKaizer Chiefs ngo’2-0 kumdlalo weCarling Black Label eFNB Stadium.

Yonke le midlalo yeyokulungiselela isizini entsha yePremier Soccer League – kodwa imidlalo ephakathi kwala maqela [Kaizer Chiefs, Orlando Pirates neMamelodi Sundowns] ayinahlobo ncam ngoba kusoloko kukho ubunganga ekutsalwana ngabo ngabalandeli bebhola.

Nangona kunjalo umqeqeshi weeBrazillians, uPitso Mosimane, uthi uMuhsin Ertugral makanikwe uthiba eloneleyo ukuze azokwazi ukwakha iqela lakhe kakuhle phambi kwesizini ezayo.

Emva kokuba lo ka-Ertugral ethathe iintambo kwiBucs kubekho ukuvuseleleka kwethemba emva kwesizini ka’2015/16 yePSL engaqhubanga kakuhle kuyo iPirates. Ephawula ngomdlalo obuphakathi kweSundowns nePirates, uPitso, uthe: “Umdlalo besohlulelene ngawo….besihamba emva kwisiqingatha sokuqala – kodwa ke siye sazilungisa izinto kwisigaba sesibini,”

“Khumbula khange sisebenzise abadlali esiqhele ukubasebenzisa abafana noTiyani Mabunda, Hlompo Kekana neCBD. Lo nto ibangele iqela lisokole ukudlala umdlalo obambeneyo.

Kodwa ke kuyo yonke lo nto kusekutsha kakhulu ukuyithathela ingqalelo imidlalo enje – ngumdlalo wobuhlobo lo. Sisebenzisa le midlalo ukujonga amandla wabadlali bethu.

UMuhsin makanikwe ithuba lokusebenza nabadlali bakhe. Ndiqinisekile emva kwexesha izinto zizakujika,” utshilo uPitso.

Orlando Pirates: Mhlongo, Gcaba, Phungwayo, Gyimah ,Matlaba, Manyisa, ,Morrison, Sarr, Makola, Memela, Ndoro,

Mamelodi Sundowns: Sandilands, Julies, Madisha, Arendse, Nascimento, Mohomi, Modise, Zwane, Tau, Vilakazi, Laffor.