Pitso Mosimane: Akekho umqeqeshi ongayifuniyo indebe yeCAF Champions League

Sibusiso Vilakazi of Mamelodi Sundowns celebrates goal with Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns during the CAF Champions League match between Mamelodi Sundowns and USM Alger at Loftus Versfeld Stadium, Pretoria, on 11 January 2020 Samuel Shivambu/BackpagePix

Nangani
iqela lakhe lingabuyanga namanqaku apheleleyo emdlalweni obuse-Angola – kodwa uPitso
Mosimane usaqinisekile ngokuqhuba kakuhle kwalo. IMamelodi Sundowns ibambene
ngamagowuli amabini macala (2-2) nePetro de
Luanda emdlalweni weCAF Champions League kwimpelaveki
egqithileyo. Noxa ingaphumelelanga iSundowns – kodwa okuhle kukuba inento
esandleni ngoba ikwazile ukufaka amagowuli emdlalweni ongaphandlwe kwemida
yoMzantsi Afrika. UPitso uthi uqinisekile okokuba iqela lakhe liza kuyigqiba
imidlalo kaGroup C liphezulu futhi alikaphulukani namdlalo kwiChampions League
ukusukela kunyaka ophelileyo. Into esetyenzelwa yiSundowns ngoku kukusonga
imidlalo kaGroup C iphezulu ukuze ikwazi ukuphepha amaqela ayingozi xa
kusenziwa uthelekiso lwamaqela kwakhona.

Ngomso,
iMamelodi Sundowns iza kuqubisana neWydad Casablanca
emdlalweni weChampions League ngentsimbi yesithathu emalanga eLoftus Stadium,
ePitoli. “Into esiyifunayo kukuqinisekisa ukuba iDowns igqiba imidlalo kaGroup
C ihleli phezulu. Kusafuneka sidlale ngoba kufuneka sifumane iziphumo ezihle. Bonke
abaqeqeshi bafuna ukuyiphumelela indebe yeCAF Champions League kwaye bacinga
ukuba bangaphumelela yonke imidlalo. Ewe, akululanga futhi kusekho amaqela
ayingozi kolu khuphiswano. Kodwa sizimisele ukuqhubela phambili kangangoko
sinako kulo. Kunyaka ophelileyo siphume kwisigaba esiphambi kwesokugqibela. Kufuneka
sizame ukwenza ngcono kweli ityeli,” utshilo uPitso oncome iqela lakhe emva
kokungabethwa emidlalweni yalo yonke eliyidlale kwiChampions League ukuza kuthi
ga ngoku.

“Sikwazile
ukufaka amagowuli amabini; Leyo yeyona nto ebalulekileyo xa iqela lidlalela
kwelinye ilizwe. Asikaphulukani nawo namnye umdlalo kuGroup C kwaye siqokelele
amanqaku emidlalweni esiyidlala ngaphandle kwelizwe lethu. Mahlanu amanqaku
esiwazuzileyo kwalithoba ebesiwadlalela. Kwesiyidlalele ebaleni lethu, sifumene
amathandathu. Zange sifumane gowuli sidlala neWyadad kowayo – kodwa sawafaka
emdlalweni esawudlala ne-USM Alger. Yimbali le esiyenze kwiChampions League,”
uvale ngaloo mazwi uPitso. Amanye amaqela alwela indebe yi-Esperance, iRaja Casablanca, iZamalek neTP
Mazembe.