Pitso: UBilliat angahamba ukuba uyafuna

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uzihlambile izandla zakhe, uthi uKhama Billiat angahamba ukuba uyafuna nangona esamfuna.

Oku kuthethwe nguPitso emva kokuvakala kweengxelo ezithi lo mdlali akazimiselanga ukusivuselela isivumelwano sakhe sengqesho kwiSundowns.

UKhama Billiat ngomnye woorhasatsha babadlali abancede iDowns ukuze igqugqise kwilizwekazi le-Afrika.

Apha eMzantsi ebeyinxalenye yabadlali abathathu abebeteketiswa ngeCBD. Kodwa yaphelela emoyeni lo nto kwakuhamba uKeagan Dolly nasemva kokonzakala kukaLeonard Castro.

“Singakuthanda ukumbona ehlala apha kwiDowns. Ungumdlali ogqwesileyo – kodwa ke ukuba akafuni sizakuqhubela phambili. Kuza kunyanzeleka sikhangele umntu ozakungena endaweni yakhe,” utshilo uJingles.

Iingxelo zimoyamanisa neCape Town City lo mdlali, kwelinye icala uLebogang Manyama ufunwa kakhulu yiDowns.

Akukacaci nokuba zingenzeka na ezo zinto phambi kokuphela kwale nyanga.