Pitso: Ubunzima umdlalo wamaTuks

IMamelodi Sundowns ibuyele kwindawo yokuqala kwi-Absa Premiership, emva kokubetha i-University of Pretoria ngamagowuli amabini kwelinye, emva kwemini ngoMgqibelo.

Umdlali wasesizikithini sebala, uKhama Billiat, ufake igowuli lokuqala leSundowns ngomzuzu wamashumi amabini anesithathu. ULeonardo Castro ufake igowuli lesibini leSundowns sele uzakuphela umdlalo

kwimizuzu emihlanu kuphela, ivuthelwe impempe, uThabo Mnyamane uye wafaka igowuli elinye leTuks. Impumelelo yeSundowns ithetha ukuba badlale imidlalo elishumi elinesine bengakhange babethwa nakomnye.

Umqeqeshi weSundowns, uPitso Mosemane uyincomile indlela elithe lalwa ngayo iqela lakhe.

“Siwasebenzele la manqaku mathathu, besibilile,” utshilo uMosemane.

“ITuks ilwile kakhulu, ibilidabi lobukhaya eli kodwa khange banikezele. Ngelixa sikhokela ngamagowuli amabini eqandeni, bendisithi sigqibile, kodwa baphinde babuya.”

UMosimane akayithatheli phezulu into eyenziwe liqela lakhe yokuba bedlale imidlalo elishumi yePSL, bengakhange babethwe.

“Kumdlalo ngamnye esiwudlalayo, asiyijongi indlela esidlale ngayo,” utshilo uMosimane. “Siyalibala ukuba sidlala neliphi iqela, silwela amanqaku qha, ufumana amanqaku ugoduke nawo.”

Umdlalo olandelayo weSundowns lelinye idabi lasePitoli, xa bezakube bedlala neSupersport United, ngoMgqibelo.