Russell Domingo: Kufuneka sibuyele kwiziseko zethu

Umqeqeshi weProteas, uRussell Domingo uxhalabile yindlela elidlala ngayo iqela lakhe, ingakumbi emva kokungadlali kakuhle kwabo e-India kwiyanga ephelileyo.

UMzantsi Afrika uzakudlala umdlalo wokuqala wovavanyo kunye neqela laseNgilane kulo Mgqibelo siya kuwo, kwaye uDomingo uthi aba bafana kufuneka babuyele emva kwizinto awayebafundise zona.

“ Ndingumntu osoloko ecinga ukuba xa amaqela edlala phantsi koxinizelelo, kwaye engaqhubi kakuhle kubalulekile ukuba kulungiswe iziseko zeqela,” utshilo uDomingo.

IProteas ibidibana oko- kuqala ngoLwesibini, emva kokuba bebuyile e-India nalapho babethwa kwimidlalo emithathu.

“Kuzakufuneka sibuyele ebaleni kwakhona, kwaye sizame ukudlala umdlalo olula ngeyona ndlela. Kufuneka siqwalasele iindawo esitsala nzima kuzo ebaleni kunye nezo senza kakuhle kuzo. Le nto imayela nokwenza lula umdlalo wethu ngeyona ndlela.

“Sineqela lemidlalo yovavanyo, elisazama ukufumana eyona ndlela lidlala ngayo, kunye neKapteni entsha esazama ukuzenzela igama,” wangeze ngalo mazwi uDomingo. “ Eli lithuba lesibini lokuba sizame ukwakha amanye amacebo okudlala, kwaye silungise isiseko somdlalo wethu.”

IProteas isokoliswe kakhulu kukumila kwamabala ase- India, kwaye bebedlala phantsi kokapteni omtsha uHashim Amla.

Naye ibimnika uxinizelelo into yokuba kulindeleke ukuba adlale kakuhle njengomdlali aphinde akhokele neqela lesizwe.

Noko izinto zingaba ngcono kakhulu xa bedlalela ekhaya, kodwa kwimidlalo edlulileyo zange baqhube kakuhle ncam, eThekwini.