‘Sidinga inkxaso yooSomashishini’

Iqela lebhola ekhatywayo iCity Lads

“Kuyayitya imali ukususa iqela kwiLeague esezantsi ngoba oosomashishini abafuni kufaka isandla kwinto abangekayiboni ukuba iya ngaphi.”

La ngamazwi kaZama Manqunyana – umanejala weqela lebhola ekhatywayo lase-Amalinda elibizwa ngokuba yiCity Lads, nelasungulwa ngo-2015.

ICity Lads idlala kwiSAB League. UManqunyana uthi uqinisekile ukuba abadlali beli qela banaso isakhono sokunyukela kwi-ABC Motsepe League, ntonje ukungafumani nkxaso ngokwase zimalini koosomashishini abangqonge i-Amalinda, kungawabulala amaphupha wabo okusa eli qela kwinqanaba elingasentla.

“Siyayidinga inkxaso yoosomashishini bale ndawo ngoba kutya kakhulu ngasezimalini ukubaneqela elidlala kwiiLeague ezifana nale sikuyo. Ukungasixhasi kwabo kungatshabalalisa amaphupha wethu okuya kwi-ABC Motsepe League,” utshilo uManqunyana.

Umqeqeshi weli qela, uLuyanda Matyila, osele ekhokele amaqela angaphezulu kwesihlanu kwiSAB League, ukusukela kunyaka ka-2012 ukuzakuthi xhaxhe ku-2017, naye uyavuma ukuba linaso isakhono eli qela.

“Ndiyakholelwa kakhulu kubadlali ngoba banaso isakhono kakhulu. Ndiqinisekile ukuba singalelinye lamaqela amathathu aphezulu ekupheleni kwesizini ka-2017-2018,” utshilo okaMatyila.

UMatyila uthe imidlalo yamalungiselelo wesizini yenye yezinto ezibangela ukuba akholelwe kakhulu ebadlalini bakhe. “Basebancinci yaye bayalawuleka. Phambi kokuqala kwesizini sidlale imidlalo esibhozo. Siphumelele yamithandathu, sabethwa kwemibini kuphela,” utshilo uMatyila.

Ukapteni weCity, uLitha Putuzo (29), uyangqinelana nomqeqeshi wakhe.

“Sizakuwabetha amaqela amaninzi kule sizini. Sinamava futhi siyibonile indlela adlala ngayo amaqela walapha,”, utshilo uLitha Putuzo.

ICity Lads idlale imidlalo yamibini kule sizini, ibethwe komnye yaze yaphumelela wamnye.