“Sifumene abadlali abatsha nabazimisele ukuyinceda iChippa United”

IChippa United ibhengeze amagama wabadlali abatsha kutshanje eBhayi. Umfanekiso: Chippa United

East London –  Njengokuba isiqalo sesizini entsha sisondela,
phantse onke amaqela adlala kwiPSL asemaphethelweni amalungiselelo awo. UDan “Dance”
Malesela, obuyele kwiChippa United njengomqeqeshi ekupheleni kwesizini
egqithileyo, kulindeleke avavanye abadlali bakhe abatsha xa iqela lakhe
lidibana neFree State Stars kumdlalo wesibini weMaizer Cup ngentsimbi yeshumi
elinambini emini ngomso eJames Motlatsei Stadium. IiChilli Boys ziyinxalenye
yeMaize Cup kulo nyaka equka amanye amaqela aquka iKaizer Chiefs neBuya Msuthu
edlala kwi-ABC Motsepe League. Iqela likaDance lingafumana uvavanyo
olufudumeleyo mhlawumbi neChiefs ukuba omabini la maqela akwazile ukuphumelela
imidlalo yawo yokuqala.

Kutshanje
abaphathi beChippa United babonise ugxudululu lwabadlali abalishumi elinesine
bonke esihlangalaleni kwinkomfa yamajelo endaba eNelson Mandela Bay Stadium. Abadlali
abatsha bayathembisa – kodwa bangena ezindaweni yeziqwayi zabadlali
ezithengiselwe amanye amaqela yiChippa United. amagama wabadlali ngaba:
Boikanyo Komane, Daine Klate, Jabulani Shongwe, Kabelo
Seakanyeng, Lucky Setelele, Ludwe Mpakumpaku, Ntshuxeko Ndlovu, Ntwenhle Zondo,
Ruzaigh Gamildien, Tebogo Makobela, Tebogo Tloloane, Thabo Ntethe, Thatayaone
Kgamanyane, noZusakhe Sali. IChippa inethemba lokuba aba badlali bakuthi
bayincede ifumane indawo kwiTop 8 kwisizini entsha okanye kubekho indebe
eyifumanyo. Abadlali abathengisiweyo baquka uPaseka Mako, uLinda Mntambo, u-Abel
Mabaso (bonke baye kwi-Orlando Pirates), uBuyani Sali, uBantu Mzwakali, uGift
Motupa noBrighton Mhlongo bona bathathwe yiBidvest Wits.

UDan Malesela ubamkele ngezandla
ezishushu abadlali abatsha watsho esithi ucela abantu baseMpuma Koloni ukuba
balixhase iqela lakhe ngokupheleleyo ukuze likwazi ukuphumeza iinjongo zalo. “Sonelisekile
ngumgangatho wabadlali esibafumeneyo phambi kwesizini entsha. Ndifuna ukubulela
inkxaso esiyifumene kusihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, nabaphathi
beqela bonke. Sifumene abadlali abasebatsha nabazimiseleyo ukuyinceda iChippa
United kwiminqweno yayo yesizini. Siyazi kumele sizimisele ukuze sibonwabise
abalandeli bethu kwilizwe lonke. Asinokuwenza sodwa loo msebenzi. Sicela inkxaso
kuni balandeli,” utshilo uMalesela owagxotha emva kwemidlalo emithathu qha
ekuqaleni kwesini egqithileyo.