Siya Kolisi, iyafuneka indebe ekhaya!

USiya Kolisi usecicini lokuba nguKapteni wokuqala omnyama ophakamise iNdebe yeHlabathi

Iincwadi zembali ziza kubhalwa ngokutsha emdlalweni wokugqibela weTumente yeHlabathi yoMbhoxo emini ngoMgqibelo xa kudibana oompondozihlanjiwe, uMzantsi Afrika neNgilane.

Ukuba AmaBhokobhoko ayaphumelela, iza kuba lityeli lesithathu ephakamisa iNdebe yeHlabathi ukusukela oko athi abuyiselwa embhoxweni wehlabathi emva kokwenziwa ikheswa ngenxa yobandlululo eMzantsi Afrika.

Umdlalo wangempelaveki yimpinda yomdlalo wetumente eyayisingathwe yiFrance – apho uMzantsi wabetha iNgilane.

Kodwa eyona mbali eya kuhlala ngonaphakade ezingqondweni zabantu abamnyama eMzantsi kukubona uSiya Kolisi ephakamisa iNdebe yeHlabathi njengoKapteni wokuqala omnyama.

UKolisi, 28, wayeneminyaka elishumi elinesithandathu qha esafunda eBhayi ngethuba AmaBhokobhoko ebetha iNgilane ngo2007.

Ngoku usecicini lokudibanisa amashumi amahlanu emidlalo yovavanyo nokufezekisa iphupha lakhe njengomdlali wombhoxo kwinqanaba eliphezulu.

Ukwindawo akuyo ngoku ngenxa yamandla wezemidlalo. Kodwa umdlalo wempelaveki awusoze uphelele ngaphandle koongqondongqondo ababini, uRassie Erasmus noEddie Jones.

Ukuphumelela imidlalo kwamazwe omabini kwitumente yehlabathi yeyona nto encomekayo – kodwa okuthe kwaqaqamba yindlela abaqeqeshi bobabini abayiphucule ngayo indlela amaqela adlale ngayo.

UJones weNgilane uguqise phantsi iNew Zealand abakholelwa abantu.

Kanti kwelakhe icala uErasmus ubethe iWales igoloza. Umqeqeshi waMabhokobhoko ubonise ukungayoyiki iNgilane emva kokubetha iWales kwiveki ephelileyo.

“Sidlale kane neNgilane kwisithuba esingaphantsi kweminyaka emibini. Indlela edlala ngayo sesiyiqhelile. Umdlalo wayo uphucukile kakhulu ngoku kodwa sinalo ithuba lokuwuphumelela umdlalo,” utshilo uErasmus.

Kanti ekuqaleni kwale veki, uRassie wongeze ngelithi akukho nguqu aza kuzenza kwaye uvuyela nokuphila kukaCheslin Kolbe obe khonkxwe kukonzakala.

“Sicinga ukuba sinelona qela elinokusinika iziphumo eziphucukileyo futhi elikulungeleyo ukuqubisana neNgilane eza kusebenzisa amandla,” utshilo uErasmus. Yena uJones uthi ulindele umdlalo onzima kodwa umdlalo uza kufika iqela lakhe liwulungele.

“Kuza kuba nzima ukubetha uMzantsi Afrika kodwa zikhona iindawo esingawubetha kuzo. URassie ngumqeqeshi okrelekrele.

Lo nto ithi kufuneka sizilungiselele ngokupheleleyo,” utshilo uJones. Iintambo zikuye uSiya Kolisi, makaze nendebe ngokuba iyafuneka ekhaya.

Abantu baseMzantsi Afrika bazingomba isifuba ngenxa yomsebenzi iqela lakhe eliwenzileyo kwaye inkxaso yabo ayigungqi.