Tinkler: Sineqela elomeleleyo kakhulu

 

 

Umqeqeshi weqela
elitsha laseKapa elibizwa ngokuba yiCape Town City FC, u-Eric Tinkler, uthi
ukwazile ukuqokelela iqela labadlali acinga ukuba bazakukwazi ukumelana
nomsebenzi onzima kwisizini entsha yePSL.

Le ndedeba
ikuthethe oku ngethuba incokola neentatheli ngoLwesine eKapa – apho ibiphawula
ngamalungiselelo wesizini ka’2016/17.

ICape Town
City FC sele ityikitye abadlali abalishumi elinanye abatsha. Bafikela kwishumi
elinesihlanu labadlali abathengwa neMpumalanga Black Aces nguJohn Comitis kwisithuba
seenyanga ezimbini ezidlulileyo.

Kuphoswe umbuzo
ngoonondaba ngobume beqela lakhe uTinkler. “Umsebenzi uzakuba nzima kakhulu,
akululanga ukudlala kwi-Absa Premier Soccer League. Lo nto iyaziwa nguye wonke
umntu ukuba naliphi na iqela lingalibetha elinye,” utshilo uTinkler.

Nangona ebazi
ngokupheleleyo ubunzima ajongene nabo uTinkler kweli qela litsha – kodwa uzithembile
kwaye nabadlali abafumeneyo ubathembile.

 “Mna ndicinga ukuba sikwazile ukuqokelela
iqela elomeleleyo. Into nje efunekayo kuthi kukudlala umdlalo ozinzileyo ukuze
sikwazi ukuhlala kwiPSL. Sizimisele ukudlala ibhola enomtsalane kakhulu, le
kanye ndiyithandayo,” utshilo uTinkler.

UTinkler uqale ukuqeqesha iCape Town City FC kwezinyanga ziphelileyo emva
kokuba singavuselelwanga isivumelwano sakhe sengqesho yi-Orlando Pirates ngoku esezandleni
zikaMuhsin Ertugral obeqeqesha iMpumalanga Black Aces kwisizini ephelileyo.