UAm sisibane sombhoxo kwilizwe lonke!

ULukhanyo Am wenze indima ebonakalayo kwiqela lesizwe kwitumente yehlabathi kodwa usanxanelwe ukwenza ngaphezulu embhoxweni UMFANEKISO: EPA-EFE/FRANCK ROBICHON

AmaBhokobhoko aligqugqisile ilizwe emva kokubuya nodumo kwitumente yehlabathi.

Kwiveki ephelileyo, AmaBhokobhoko atyelele eMonti naseBhayi – apho abhiyozele impumelelo yawo nabantu emva kokubuya nendebe kwitumente yehlabathi ebibanjelwe eJapan kutshanje.

Ibali leqela lesizwe lithande ukwahluka kweli ityeli ngoba lizuze impumelelo likhokelwa nguSiya Kolisi – umdlali wokuqala omnyama obuye newonga elikhulu kwinqanaba lehlabathi embhoxweni.

Phantse wonke umntu ube khwaza igama likaKolisi ngethuba iqela lakhe lijikeleza ilizwe, umhlawumbi, kufanelekile ngoba uluphawu olubonisayo okokuba umntu omnyama uyakwazi ukwenza izinto ezinkulu.

Zibe ninzi kakhulu izinto ezintle ezenziwe ngabadlali baMabhokobhoko kwitumente yehlabathi – kodwa into eyenziwe nguLukhanyo Am iphume phambili futhi soze icime ezingqondweni zabalandeli bombhoxo jikelele.

ULukhanyo, odlalela iSharks, ufumene ithuba lokulala emgceni njengomdlali wokuqala kwimbali yoMzantsi Afrika emdlalweni wokugqibela kwitumente yehlabathi kodwa endaweni yoko, uye wanika uMakazole Mapimpi ibhola ukuze ibe nguye owenza lo nto.

Sisenzo esilungileyo eso futhi esinqabileyo. Uyenze lo nto kuba ebesazi ukuba uMakazole udinga itrayi enye ukuze enze imbali njengomdlali ozifumene zantandathu kwitumente yehlabathi.

Le ndedeba yaseQonce yenye yabadlali ebekuthenjelwe kubo ngumqeqeshi, uRassie Erasmus.

Akothusanga oko ngoba uLukhanyo Am ngumdlali wombhoxo ozimiseleyo futhi osisibane embhoxweni welizwe lonke noxa engazange abe nethamsanqa lokukhula edlala umbhoxo kwizikolo ezaziwayo ezifana neGrey College ezivelise abadlali abaninzi.

ULukhanyo, 25, ngumdlali okhethekileyo kwikhaba elikhoyo ngoku futhi usenekamva eliqaqambileyo embhoxweni noxa engafuna ukuzukiswa ngesenzo asenze eJapan.

Uyibethe ngoyaba uLukhanyo eyokunceda kwakhe uMakazole ozenzele igama kwihlabathi kwaye uthi ukudlala kwabo kakuhle kwinqanaba lehlabathi kuvulela indlela abadlali beBorder Bulldogs abasuka kuyo amathuba wokuzibonakalisa nabo.

“Ukuphumelela iNdebe yeHlabathi yinto enkulu futhi ekhethekileyo kuthi naselizweni lethu,” utshilo uAm eseMonti.

“Ukudlala umdlalo wokugqibela kwiNdebe yeHlabathi yinto enkulu kakhulu ngakumbi xa udlala nomntu ofana noMakazole odlala umdlalo ongcono. Sidlale kunye iminyaka emininzi. Xa sisebaleni sobabini senza ekufanele sikwenze. Ukudlala kwethu kakuhle kunika abakhulayo ithemba. Nabo abadlali beBorder sibabonisile indlela. Kodwa umgangatho esifikelele kuwo thina ndingatsho ukuba uza kukhuthaza abadlali abasakhulayo. Into endifuna ukuyenza ngoku kukuzama ukuphucula indlela endidlala ngayo ngoba ukhuphiswano lunzima embhoxweni,” kutsho uAm.