UBandla uthi ebemoyika uMagusha!

USibusiso Bandla uzamkele ngovuyo iziphumo zomlo - kodwa ukhangela indlela anokuthi aphucule ngayo indlela alwa ngayo

Isachulumancile imbethimanqindi esaze ngobuso ezweni emva kokuba iphumelele umlo obalulekileyo.

USibusiso Bandla uzamkele ngovuyo iziphumo zomlo – kodwa ukhangela indlela anokuthi aphucule ngayo indlela alwa ngayo.

Lo kaBandla ukuveze oku kudliwanondlebe alenze neli phephandaba emva kokuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika yodidi lweNgcongolo kwimpelaveki edlulileyo.

UBandla ubethe owasakuba yintshatshatsheli, uXolisa Magusha, ngamanqaku emlweni ububanjelwe e-ICC kwitumente ebuququzelelwe yiXaba Promotions.

UBandla ulincomile iqela labaqeqeshi bakhe ngokuqinisekisa okokuba umlo ufike ewulungele.

“Andifuni ukuxoka, bendisoyika ukuwa emlweni obuphakathi kwam noMagusha. Ndiyababulela abaqeqeshi bam ngokuqinisekisa ukuba ndibenawo amandla wokulwa imijikelo elishumi elinambini ndiyigqibe. Bendingazithenga ukuba ndiza kude ndiyofika kumjikelo wokugqibela ndingadinwanga,” utshilo uBandla emva komlo.

Le ndedeba ithi eyona nto eyifunayo ngoku kukuqiniseka ukuba iyakhula indlela elwa ngayo emilweni elandelayo.

“Eyona nto endiyilambeleyo kuphucula umdlalo wam. Ndifuna ukuqinisekisa ukuba uyakhula umdlalo wam qho ndiqabela eqongeni,” utshilo uBandla.

Komnye umlo kwitumente yeXaba Promotions, uAyanda Ndulani uphumelele intshinga yeABU emva kokunkankatha uLoyiso Ngantweni kwimijikelo elishumi.

Ezinye iziphumo:

UNtlantla Ngamntwini unabise uMzwabantu Mbexeshi kakubi kumjikelo wesibini. Yena uEmmany Kalambo ubhule uHendriques Lando onqandelwe ngusompempe oye wawuchitha umlo kumjikelo wesithathu. UPhumlani Malloni ubethe uLoyiso Mbombo ngamanqaku. UYamkela Paliso ubethe uAbel Tokwe, uLuxolo Bobo ubethe uHlomla Goniwe, yomibini imilo iphele kumjikelo wokuqala. Uchithwe umlo obuphakathi kukaSiphenathi Nobanda noThembelani Mooi emva kongqubana ngeentloko kumjikelo wokuqala.