UBenni McCarthy akakuchasanga ukuqeqesha iPirates!

Elinye lamaqela amakhulu eMzantsi Afrika, i-Orlando Pirates, kuthiwa linomdla wokwenza uBenni McCarthy umqeqeshi walo. Ezimnyama ziqale ukukhangela umqeqeshi kunyaka ophelileyo emva kokuhamba ngesiquphe kukaMuhsin Ertugral emva kokubethwa kwePirates ngo’6-1 yiSuperSport United.

Njengagoku ugqirha Irvin Khoza ukhangela umntu onokuthath’iintambo ku-Augusto Palacios, olibambela mqeqeshi.

Iindaba ezivakalayo zithi uKhoza angabhenela kulo kaMcCarthy kuba efuna iqela lakhe liqeqeshwe ngumntu walapha eMzantsi Afrika futhi onolwazi oluphuhlileyo lwebhola edlalwa yiPirates. Ekuqaleni konyaka bekucingeleka ukuba indoda ebikade iqeqesha iFree State Stars, uGiovanni Solinas, yiyo enokufumana inyhweba yokuxhuzula imikhala kwiiSea-Robbers. Akubanga njalo ngoba iPirates isazingela oyena mntu osifaneleyo esi sikhundla nangoku.

UBenni McCarthy, oneminyaka engamashumi amathathu anethoba, uyayazi i-Orlando Pirates ngoba uyidlalele phambi kokuthatha umhlala-phantsi ebholeni.

Le nzalelwane yaseKapa ifumene isatifiketi (Uefa A Licence) emva koqeqesho olunzulu elufumene eYurophu – apho ichithe iinyanga eziliqela isebenza njengesekela mqeqeshi kwiSint-Truiden yaseBelgium.

Ngoku uthi iqela elifuna ukumqesha njengomqeqeshi malithethe naye, uyafumaneka. Eyona nto ibangele uMcCarthy afumane uqeqesho (ngokutsho kwakhe) kukuba ufuna ukuba ngumqeqeshi otshatsheleyo ngenye imini. “Nokuba ngubani ondifunayo, ndiyafumaneka – kodwa kufuneka ibe liqela elizakundilungela,” utshilo uBenni ngethuba encokola kwiSuperSport TV kule veki.

Enye yezinto uBenni athi zibangele afunde kukuba abantu bacinga abadlali bebhola ngabantu abangekho krelekrele engqondweni. Nangona uMaCarthy edlalele amaqela amakhulu eYurophu, iBafana Bafana nePirates – kodwa akanawo amava okuqeqesha oneleyo anokumnceda amelane neengxaki zeqela elikhulu njenge Orlando Pirates.

pedro.mapelo@inl.co.za