UBilliat ukulungele ukudlala eYurophu!

Yiveki yesibini le imidlalo ye-Absa Premier Soccer League ivaliwe. Kwenzeka izinto ezimbini ke ngeli xesha: kuwongwa abadlali abathe baqaqamba logama abanye besiya kumaqela amatsha.

Omnye wabadlali abaphume izandla kwibhola yaseMzantsi Afrika nguphuncuka bemphethe waseZimbabwe – uKhama Billiat. Lo mdlali siswini wafika kweli lizwe ngo’2010, ngoko wayengaziwa – kodwa emva kokudlala isizini yakhe yokuqala kwi-Ajax Cape Town – wonke umntu olandela ibhola wamazi.

Ngethuba edlalela i-Ajax Cape Town, uBilliat wazibonakalisa kakhulu edlala noThulani Serero odlalela iqela laseDutch, noGeorge Maluleka odlalela iKaizer Chiefs. Emva kwesizini ezimbini eKapa, waye wathengwa yiMamelodi Sundowns. Zintathu ezona zinto abalasele ngazo lo mdlali futhi zizo ezatsala uPitso Mosimane – umqeqeshi wakhe kwiDowns. Ubukrelekrele bakhe bengqondo, iliso lokubona amathuba nokufaka amagowuli, zezinye zezinto ezimenze wohluka kwabanye abadlali uBilliat. Lo mdlali unamashumi amabini anesihlanu, ubengundaba-mlonyeni kwisizini ka’2015/16 ngenxa yokufaka amagowuli nentsebenziswano abenayo noKeagan Dolly noLeonardo Castro abaziwa ngokuba yiCBD.

Kwimidlalo yePremier League, lo mfo uBilliat ufake ishumi elinesibini lamagowuli – ushiywa ngesibini kuphela nguCollins Mbesuma ofake amagowuli amaninzi kwiPSL. Kodwa akuphelelanga apho, ngoba ubenegalelo nakwimidlalo yeTelkom Knockout nezinye. Emva kweminyaka emine edlala eMzantsi Afrika – lo mdlali ukulungele ukudlala phesheya ngoba umgangatho wakhe uphakamile kakhulu.

Ukuba ufuna ukudlala elizweni elinebhola ebhadlileyo, kufanele ahambe ngoku – maninzi amaqela amfunayo eYurophu. Ukuhamba kwakhe iyakuba yilahleko kwiDowns nakuMzantsi Afrika ngokubanzi – kodwa uvuthiwe ngoku – angadlala noompondo-zihlanjiwe behlabathi. Ngomnye wabadlali ekulindeleke bazuze iimbasa eziphambili kumsitho wamawonga wePSL.