UBongiwe Msomi ubeke phantsi njengomdlali womnyazi

Omnye wabadlali bebhola yomnyazi abaqaqambileyo eMzantsi Afrika, uBongiwe Msomi, ubeke phantsi ngokusesikweni kwiveki ephelileyo. Isibhengeso ngokuyeka kukaMsomi ukudlala umnyazi senziwe emva kokuba iSPAR Proteas sidlale imidlalo yovavanyo yokugqibela ebiseYurophu kutshanje.

Ukuyeka kwakhe akothusi ngoba unexesha elide edlala umyazi futhi eyinkokeli yeqela lesizwe loMzantsi Afrika. Waqala ukudlalela iSPAR Proteas ngonyaka ka2011 enebathwana leminyaka engamashumi amabini anesithathu.

Emva kweminyaka emithathu, wanikwa uxanduva lokukhokela iSPAR Proteas kwade kwasekupheleni kuyka2023. Wakhokele iqela lesizwe kwitumente yehlabathi eyayiseLiverpool ngonyaka ka2019 nakweya lo unyaka ebibanjelwe eKapa.

Ethetha ngesigqibo sakhe, uMsomi uthe kuhle ukuyeka kwakhe ngoba iqela lesizwe ulishiya lisendaweni entle kakhulu. Baliqela abadlali abaza kuzeka emzekweni ngenxa yobudala phambi kokufika komqeqeshi omtsha emva kokuhamba kokaNorma Plummer.

“Isigqibo endisithathileyo ndisicingile. Okuhle kukuba ndishiya iqela lesizwe lisendaweni ebhetele. Ndibulela abaqeqeshi, abadlali nabanye abantu abathe banegalelo ekukhuleni kwam ebholeni yomnyazi.

Ndibulela utitshala wam (uMnu. S.G. Mncwabe) owabona italente kum wandinika ithuba,” utshilo uMsomi, odlalele amaqela adana neGauteng Golden Firerballs phantsi kweTelkom Netball League. Amanye amaqela aquka iAdelaide Thunderbirds yase’Australia neSurrey Storm yaseNgilane.

UMsomi ubulele umqeqeshi ohambileyo, uNorma Plummer, athi ube nefuthe kakhulu kwibhola yomnyazi eMzantsi Afrika. “Ndibalula wena ngoba umsebenzi owenze kum ukhethekile. Undikhuthazile kakhulu ngethuba ndisengumdlali futhi zininzi izinto endizifundileyo kuwe.

“Ndibulela ngayo yonke into oyenzele ilizwe lethu,” utshilo uMsomi. Kwelinye icala, uCecilia Molokwane, uthe uyazingca kakhulu ngokwenziwe nguMsomi njengomdlali okwangoyena Kapteni obambe ixesha elide kwiqela lesizwe.