Babhubhile abantu ababini bebulawa yindoda engaphilanga ngengqondo!

Amapolisa eMpuma Koloni aphanda ngetyala lokubulawa kwenkondekazi eneminyaka engamashumi alithoba anesithoba (99) ubudala kwakunye nendoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu (55) ubudala, emva kokuba esi sibini sibethwe sabhubha yindoda ephazamisekileyo engqondweni.

Ngokwengxelo ephuma kuLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa ithi, esi sibini sibhubhileyo asihlobenanga, oku kwenzeke kwimizi eyohlukeneyo kwilali yakuNdlambe eNgqushwa kuLwesine weveki ephelileyo.

UMawisa uthi, indoda le ibuleweyo ibingumzala wale ndoda iphazamisekileyo. Ixhoba libulewe ngethuba liyokutyelela lo mzala lingazi ukuba lizakubulawa.

Ingxelo iqhuba ithi kwangolusuku lunye le ndoda nesele ingumrhanelwa ngoku, yabetha yabulala le nkondekazi nengumakhelwane wakhe.

Umrhanelwa lo waye wabanjwa ngabahlali besebenzisana namapolisa ezifihle ehlathini.

Le ndoda ibekwe amatyala amabini okubulala.

UMkomishinala wesithili saseAmathole, uMajor General Ngangema Xakavu udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zombini.