Awahambeli ndawo amatyala okubulawa kwamafama

Umbutho iAfriForum ikhala esimantshinyane ngelithi ayaneliseki linani lamatyala okubiwa kwemfuyo athi aqukunjelwe ziinkundla zelizwe loMzantsi Afrika. Ingxelo yeAfriForum ithi, kumatyala aliwaka elinamakhulu amane, amatyala asukela kunyaka ka2019 ngamatyala angamashumi amathandathu anesithandathu kuphela aqhube ngempumelelo.

La matyala aquka amatyala okuhlaselwa kwamafama, ukubulawa kwanokubiwa kwemfuyo ngamasela ezifama. IAfriForum ithi akukho matyala angene aqhuba ngempumelelo enkundleni ingakumbi kumaphondo aquka iRhawutini, Mpumalanga, Mntla Ntshona kwakunye noMntla Koloni.

UJacques Broodryk weAfriForum uthi, baxhalabile ngenxa yendlela aqhuba ngayo amatyala wokuhlaselwa kwamafama kwiinkundla zeli.

“Ukubulawa nokuhlaselwa kwamafama kubangela ukungavani nokuzondana phakathi kwabantu beentlanga ezahlukeneyo, ngoko ke kumele ukuba umthetho uyakuqaphela oko,” kutsho uBroodryk. Uthi okona kusokolisa umsebenzi wokubanjwa kwabarhanelwa lizinga eliphantsi lophando.

“Ukungazimiseli okanye ukungafuni kumapolisa okanye amanye amagosa kwenza ukuba kungabikho mpumelelo kulo msebenzi,” kutsho uBroodryk. Uhambisa athi abo bahlasela amafama okanye beba imfuyo kwiifama zeli bazibona besenza into esemthethweni.

“Sihlala sikhuthaza amafama ukuba aseke amaqela okuzikhusela nokukhusela iifama zawo, oku kwenza ukuba amafama akhuselane ngokwabelana ngolwazi maxa wonke,” kutsho uBroodryk.

Uthi uninzi labo babanjwa ngezityholo zobusela okanye ukubulawa kwamafama, ngabantu abaziinzalelwane zeli loMzantsi Afrika belandelwa ngabo baziinzalelwane zaseLesotho.

Amapolisa oMzantsi Afrika amisela isicwangciso esasijoliswe ncakasana kukhuselo lamafama neengingqi ezikumaphandle ngo2019.

“Amafama nabo bahlala kwiindawo ezingamaphandle kweli banelungelo nabo lokuba bahlale bekhuselekile, bangamafama abavelisa ukutya okutyiwa ngumntu wonke yonke imihla,” uhambisa atsho uBroodryk.

Amapolisa ephondo laseKwaZulu-Natal kutshanje avakalise ukuba azakuliqinisa iphulo lawo lokulwa ukubiwa kwemfuyo kwiindawo ezininzi ezineziganeko zokubiwa kwemfuyo.

IKwaZulu-Natal yabelana ngomda nephondo leMpuma Koloni kwaye zininzi iziganeko zokubiwa kwempahla ezisuka kwelinye icala zisiya kwelinye icala.

UKheneli Robert Netshiunda wamapolisa aseKZN uthi, bacela intsebenziswano kuluntu ukuze balwe ukubiwa kwemfuyo ngempumelelo.