Ufuna ukuhamba kwiChippa United umdlali ophuma KwaZulu Natal, uMhlengi Cele, ngenxa yokungafumani thuba lokudlala kwisizini ephelileyo.
Oku kudizwe nguCele kwiSolezwe ngethuba ezimase itumente yophuhliso kaDerric Spencer ebibanjelwe Eshowe High School kwiiveki ezidlulileyo.
Kwisizini ephelileyo lo mdlali ebeyiva ngembali into yokudlala kwakhe kwiChippa. Ukusukela mhla kwafika uDan Malesela, lo mdlali wazibalula kwiThanda Royal Zulu edlala kwiNational First Division, ujike wayifenishala ngenxa yokungadlali. “Abaphathi bandiyalele ukuba ndibuye, kodwa mna andisakholwa. Yonke into ixhomekeke kubo ngoku ngoba ndisenesivumelwano sengqesho esindibophelelayo kwiChippa. Ndizakubuyela kubo, ndive ukuba bathini, ngoba isivumelwano sam sisenonyaka oseleyo.
Ndingavuya ukuba ndingasiwa ngemboleko kwiqela elinokundisebenzisa. Into ebalulekileyo kum kukudlala ebaleni. Ukungadlali kumvalela amathuba amaninzi umdlali, afana nokubizwa kwiqela lesizwe,” utsho uCele.
Ukhuphiswano lweefolosi beluthande ukuqina kwiChippa kwisizini ephelileyo ngoba bekukho abadlali abafana noDavid Zulu, Lerato Manzini, Rhulani Manzini no-Aristide Bance nosele ekhululwe leli qela. “Ngeke ndikhale ngomqeqeshi nangona bendikwenza konke okufanelekileyo enkampini xa siziqeqesha.
Noogxa bam bebesitsho ukuba ukudlala kundifanele. Nam andazi kwenzeka ntoni. Ukuhlala nabalandeli ezitulweni akundiphathi kakubi ngoba abadlalayo ndiyabaxhasa nam. Ngethuba ndisimka ekhaya, ndazixelela ukuba kufuneka ndingalilahli ithemba kuba ndingazi ukuba ngubani obukeleyo,” utsho uCele.
Ekuqaleni kwalo nyaka, uCele, wayefunwa yiTanda kwakhona, kodwa zange akwazi ukubuyela kuyo.
Halala, utshatile uMama Joy!