UCoetzee uzimisele ngotshintsho kwiBoks

Ndingazibala kutshone ilanga izinto ezibalulekileyo ngomdlalo wangomso wovavanyo phakathi kweSpringboks ne-Ireland.

Lo mdlalo izakuba ngumdlalo wokuqala kaCoetzee nje- ngomqeqeshi weSpringboks, wagqibela kweli qela elisekela likaJake White kwindebe yehlabathi yombhoxo ka2007.

Ukuba iSpringboks siyaphumelela kule midlalo yovavanyo yomithathu, loo nto izakuthetha ukuba, eli qela lesizwe likwazile ukubetha i-Ireland amatyeli alishumi eMzantsi Afrika.

Lo mdlalo uzakuba luvavanyo nakuCoetzee onikwe uxanduva lokufaka abadlali abamnyama kwiqela lesizwe kangangoko, phambi kokuba kuyiwe kwindebe yehlabathi yombhoxo ka2019.

Lo mdlalo uzakuthetha lukhulu kubadlali abafana noLionel Mapoe odlalela iiLions, nobizwe okokuqala ukuba azokudlalela iSpringnoks. UMapoe ufakiwe kwiqela elizakuqala umdlalo, kwaye izakuthetha lukhulu kuye loo nto nakumbhoxo wabantu abamnyama ngokubanzi.

Omnye umdlali ekubonakala ukuba ude waphenduleka umthandazo wakhe, yinzalelwane yalapha eMpuma Koloni uSiya Kolisi. Ukusukela ngonyaka ka2013, uKolisi unxibe iminqwazi elishumi elinesithathu yeSpringboks, kodwa lo mdlalo wangomso izakuba lityeli lokuqala apho azakuthi aqale umdlalo ekuqaleni.

Sele iyiminyaka ebalekayo ngoku, oko uKolisi wathi wadlala okokuqala kumdlalo wovavanyo weSpringboks engena endaweni ka-Arno Botha.

UKolisi ngomnye wabadlali ekudala bekufanele ukuba bayadlala rhoqo kwiqela lesizwe, kodwa ithuba ebengalifumani.

Kule veki izayo uKolisi uzakube egqiba iminyaka engamashumi amabini anesihlanu esitya amazimba.

Uzakungena okokuqala enxibe isikipa esinenani elinye, inombolo yesixhenxe, kwaye ulinde ixesha elide ukuze afumane eli thuba. Iqela elityunjwe nguCoetzee libonisa indlela azimisele ngayo ukuza neenguqu kwiqela lesizwe.

Naba abadlali abatyunjwe nguCoetzee ukulungiselela umdlalo wangomso:

15 Willie le Roux, 14 JP Pietersen, 13 Lionel Mapoe, 12 Damian de Allende, 11 Lwazi Mvovo, 10 Pat Lambie, 9 Faf de Klerk, 8 Duane Vermeulen, 7 Siya Kolisi, 6 Francois Louw, 5 Lood de Jager, 4 Eben Etzebeth, 3 Frans Malherbe, 2 Adriaan Strauss (captain), 1 Tendai Mtawarira

Substitutes: 16 Bongi Mbonambi 17 Trevor Nyakane 18 Julian Redelinghuys 19 Pieter-Steph du Toit 20 Warren Whiteley 21 Rudy Paige 22 Elton Jantjies 23 Jesse Kriel