UDu Plessis ngukapteni wemidlalo yovavanyo

UFaf de Plessis nguye ozakukhokela iqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba kwimidlalo yovavanyo nelizwe laseSri Lanka.

Oku kulandela isibhengezo esenziwe ngu-AB de Villiers sokulahla njengokapteni weProteas.

Lo kaDe Villiers ukhokele eli qela kwimidlalo emibini yovavanyo (New Zealand ne-Australia) emva kokuthatha iintambo kuHashim Amla ekuqaleni konyaka.

Kodwa endaweni yakhe uDe Villiers kwangena uFaf du Plessis ngenxa yokukhathazwa kukonzakala.