UFaku uzityanda igila ngokwenzeka kwiChippa

SINETHEMBA Faku

Umlandeli omkhulu weChippa United akonwabanga yindlela iqela elizenza ngayo izinto – kodwa usenalo ithemba futhi usalithanda iqela lakhe anethemba lokuba lakwenza umsebenzi ongcono kule sizini.

USinethemba Faku waseBhayi unike I’solezwe iqela labadlali acinga ukuba bangenza ngcono kwiChippa.

Nondwe Tyilo: Leliphi iqela olilandelayo kwiPSL, uqale nini ukulilandela?

Sithembele Faku: Iqela endililandelayo yiChippa United. Ndaqala ukuyilandela kwisizini ka-015/16

NT: Ngubani umdlali omthandayo, yintoni ebangela umthande?

SF: Umdlali endimthandayo nguJames Okoussa. Into ebangela ndimthande kukuba uzithembile kakhulu, kwaye xa edlala emva ayidluli lula ibhola kuye.

NT: Ingaba uziva njani emva kotshintsho lomqeqeshi kwiChippa?

SF: Andifuni kuphosisa, andiva kamnandi tu yile nto yenziwa nguMr Mpengesi. Ingakumbi kolu tshintsho lukaDan “Dance” Malesela.

NT: IChippa United ayikaphumeleli nomnye umdlalo kule sizini?

SF: Ewe, ayikaphumeleli nomnye umdlalo. Ingxaki endiyibonayo mna iphaya phambili, abadlali bethu abafuni tu ukukhaba nangona iqela lona lidlala umdlalo oncomekayo.

NT: Uziva njani ngabadlali abathengiweyo kule sizini?

SF: Ndiziva ndivuya kakhulu ndikwanalo nethemba lokuba abadlali esibathengileyo bakubanegalelo elikhulu kwiqela lam, iChippa United.

NT: Khawunike umqeqeshi iqela elinokwenza ngcono kwiChippa United?

SF: Daniel Akpeyi, Mutszandzeli, James Okoussa , Sali, Manzini noKert Lentjies, ukuba angaqala ngaba abadlali noko ndinethemba singabuya nayo impumelelo kule sizini, kwaye siyayithanda iChippa apha eMpuma Koloni