UFuzile ulifan’ apha igadalala laseRussia elambetha ngo-2019

Imbethimanqindi yaseMzantsi Afrika, uAzinga Fuzile, ibethe uMartin Ward wamwisa kumjikelo wesixhenxe eMelika kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Facebook

Imbethimanqindi yaseMpuma Koloni ezenzele igama ezizweni, u-Azinga Fuzile, ibuyele ekhaya ekuqaleni kwale veki inyathelela phezulu emva kokuzuza impumelelo ebalulekileyo eMelika. UFuzile, 24, ubethe uMartin Ward waseNgilane wemkelwa yingqondo okomzuzwa emlweni obuseLas Vegas ekuseni ngeCawe ephelileyo. Nangona uWard eye emlweni we-IBF junior lightweight ezithembile neqela lakhe – kodwa bagoduke imisila iphakathi kwamathanga emva kokwiswa kabini ngamanqindi ayingozi yimbethimanqindi yelokishi yaseDuncan Village, eMonti, emjikelweni wesine nakowesixhenxe phambi kokuchithwa kwawo umlo. Nangona uWard ekwazile ukuhamba umgama obonakalayo emlweni – kodwa uFuzile ebenkqenkqeza phambili ngamanqaku.

Ibikokokuqala uFuzile esilwela eMelika kwaye umsebenze omhle awenzile kungenzeka kumvulele amanye amathuba amanhle anokuthi amkhulise njengembethimanqindi esakhulayo. Emva komlo, uFuzile uthe akwenze eqongene yinto ebesoloko eyenza xa ezilolonga. “Indlela endilwe ngayo, yindlela endizilungiselele ngayo,” utshilo uFuzile emva komlo eMelika. “Size apha sisazi ukuba uza kundixhola ngamanqindi. Besinayo indlela yokuphindisa ngayo xa esenza lo nto. Isicwangciso sethu sisenze kakuhle kakhulu,” utshilo uFuzile, obengakwazi nokuthetha ngenxa yemincili.

Emva komsebenzi ocwengileyo awenze eMelika, ngoku uFuzile ugxeleshe ukudibana nendoda eyakuthi iphumelele phakathi kukaRakhimov noKenechi Ogawa emlweni wentshinga ye-IBF engenamntu obekelwe inyanga yeKhala. UFuzile ufuna uRakhimov kuba efuna ukuziphindezela. URakhimov waseRussia wambetha uFuzile kumjikelo wesibhozo ngo-2019. “Ndinqwela kuphumelele uRakhimov ngoba ikhona into ekufuneka siyilungise. Nokuba kuphumelele bani, kodwa ndikulungele ukudibana naye,” utshilo uFuzile. Impumelelo yakhe iqhwatyelwe izandla nguMphathiswa uFezeka Nkomonye neNkulumbuso uLubabalo Mabuyane.