UZandile waseMdantsane uzicelela inkxaso iimbaleki ezisokolayo!

UZandile Rubushe yimbaleki yemigama emide ehlala eMdantsane, eMonti. Umfanekiso: Uthunyelwe

Emva kokupaneka kunyaka ophelileyo ngenxa yeKhorona exikixe ihlabathi lonke, kulo nyaka izinto azifani. Nangona umngcipheko wokosulelana kwabantu ngeKhorona usephezulu kwilizwe loMzantsi Afrika – kodwa abakwicandelo lezemidlalo bakwazile ukubuyela kwiindawo zabo zemidlalo ngokwahlukana kwemidlalo abakuyo. Iimbaleki zephondo leMpuma Koloni bezidibene kwidolophi yase-Ugie – apho bezikhuphisana kugqatso lweembaleki ekuthiwa yi-Elundini 10km Road Race kwiveki ephelileyo. Ngenxa yothando nokuzibophelela kwazo ekubalekeni, iimbaleki zizincamile zabaleka engqeleni ebiqhaqhazelisa amazinyo.

UZandile Rubushe, 36, ngomnye weembaleki ezithathe inxaxheba kugqatso obeluse-Ugie kwinqanaba leembaleki ezingaphezulu kwamashumi amathathu anesihlanu eminyaka. Nangona iimbaleki zaseMpuma Koloni zihamba kwiindawo ngeendawo ekukho kuzo iitumente zeembaleki – kodwa ukuswela nokungafumani kwazo inkxaso zezinye zezinto ezenza ubomi bazo bubenzima kakhulu. “Ndibaleke kakuhle e-Ugie qha bekubanda kakhulu. Kuyanyanzeleka sibaleke ngoba sifuna ukuphucula amaxesha esiwenze ngaphambili. Kodwa enye into kukuba sifuna imali ukuze sikwazi ukuzithengela iitenese zokubaleka ngoba asinabo abaxhasi thina,” utshilo uRubushe oqeqeshwa nguLuthando Hejana.

Emva kokungabaleki kunyaka ophelileyo, iimbaleki ziya kwiitumente ezahlukeneyo ngoba zifuna ukunyusa umgangatho phambi kokuya kwimidyarho yeembaleki emikhulu. “Eyona nto ebendiyifuna kukunyusa isantya endibaleka ngaso ngoba ndilungiselela imidyarho efana neSanlam Marathon neSoweto Marathon,” utshilo uRubushe, obuyele eMdantsane nembasa emva kokubamba indawo yesithathu kwi-Elundini 10km Road Race. “Kumnandi kakhulu kum, ndinamandla kwaye ndingatsho ndithi ndiwulungele umdyarho omkhulu onokuvela ngoku,” utshilo uRubushe, ocela inkxaso koosomashishini nakubo bonke abantu abanokunceda iimbaleki ezidinga izinto zokubaleka.