UGift noMasuku ngamathemba

Amaglug-glug

Umqeqeshi weqela loMzantsi Afrika labangaphantsi kwamashumi amabini anesithathu, * -Owen da Gama, akawuvali umlomo ligalelo elenziwe nguMotupa noMenzi Masuku,bakhokelele iqela loMzantsi Afrika kwimpumelelo yalo yokuqala.

Amaglug-glug abethe iZambia ebithande ukuba lushica ngo’3-2 kumdlalo wesibini kwitumente ebizwa ngokuba yi-Under 23 2015 Afcon.

UMotupa uzibonakalisile ukuba ngenene ungumdlali onobuchule ngokuthi abuye namagowuli amabini kulo mdlalo, elinye lifakwe ngugxa wakhe uMasuku, xeshikweni uMzantsi Afrika ubulandela ngasemva kwiZambia kumdlalo obungoLwesibini.

Aba badlali baphosiwe ngumdlalo wokuqala [neSenegal] weli qela likaDa Gama kuba bebeyinxalenye ye-Orlando Pirates ebethwe kumagqibela kankqoyi eCaf Confederation Cup yi-Etoile du Sahel.

Impumelelo yamakhwenkwe eli ibuyise ukuzithemba kwakhona kwaye lo nto iyabatyhala ukuba basebenze ngokuzimisela ukuze babenako ukuzibekela indawo phakathi kwalawo mazwe mathathu azakuthi aphume phambili kule tumente.

UDa Gama uphawule wenjenje ngala magatyana abafana: “Ndicinga ukuba bekubalulekile ukufumana impumelelo kuba singakwazanga ukudlala kakuhle kumdlalo wethu wokuqala”, utshilo uDa Gama kwikhasi lonxibelelwano leCaf.

“Samkele abadlali bethu ababini abasuka kwiCaf Confederation Cup kwaye bobabini bafake amagowuli. Ndiyakholwa ukuba aba ngabadlali bethu ababalulekileyo, kodwa ke kuye kwanyanzeleka ukuba siluhlonele noluya khuphiswano lweCaf,” utshilo uDa Gama.

Ngoku iqela loMzantsi Afrika lizakujamelana ngezikhondo zamehlo neTunisia ebethwe yiSenegal ngo’2-0 ngoLwesibini. Amaqela esizwe amathathu aphume phambili kule tumente azakuthi afumane inyhweba yokumela izwekazi le’Afrika kwimidlalo yee-Olimpiki kwisixeko esikhulu saseBrazil, iRio de Janeiro, kunyaka ozayo.