UGqirha Patrice Motsepe akazimiselanga ukukhokela iCaf esidodo

CAF President Patrice Motsepe addresses media during the CAF President Press Conference at the Sandton Convention Centre, Johannesburg, South Africa on 16 March 2021 ©Gavin Barker/BackpagePix

Inye into oyifumanayo xa ethetha uMongameli omtsha weCaf: ufuna kusetyenzwe. Kungenziwa nje kuba kugqithiswa usana kunina, ufuna umsebenzi osemgangathweni ophezulu futhi oza kuthatha iCaf uyibeke endaweni ephezulu ebholeni yehlabathi. Oku kucace ngca okwekati emhlophe ehlungwini ngethuba uGqirha Patrice Motsepe ethetha namajelo eendaba eGoli ekuqaleni kwale veki emva kokonyulwa kwakhe njengoMongameli weCaf ngaphandle kokuphikiswa eRabat, eMorocco, ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Ungene esikhundleni ngexesha elinzima iCaf ingaqhubi kakuhle kwicala lezezimali nakwezolawulo – izinto eziqhokra kakubi uphuhliso lwebhola ekhatywayo.

“Zininzi izinto ezifuna ukulungiswa,” utshilo uGqirha Motsepe. “Soze ndibe nguMongameli weCaf esisidodo, eza kuthi xa kuphela iminyaka emine ibe ingenanto ebonakalayo eyenzileyo. Kufuneka iCaf enamandla futhi ekwaziyo ukuzenzela ingeniso,” utshilo uGqirha Motsepe. Emva kwentlanganiso yokuqala kaMotsepe, iCaf igqibe kwelokuba iyigcine indlela itumente ye-Afrika eqhutywa ngayo. Oku kuthetha ukuthi iAfrica Cup of Nations (Afcon) iza kubanjwa qho emva kweminyaka emibini nangona amaqela aseYurophu ethanda ukuyigxeka xa engafuni ukukhulula abadlali.

“Ikhona imibono eyahlukeneyo – kodwa iAfcon iza kuqhubeka qho emva kweminyaka emibini,” utshilo uMotsepe, oncwase ukuqhogana neenkampani ezinkulu ukuze zigalele imali kwiCaf efuna ukutyala imali kuphuhliso lwebhola ye-Afrika. Isizathu esibangela ingaguqulwa iAfcon kungoba yeyona engenisa imali kwiCaf elahlekelwe zizigidi zedola emva kokuqhawula isivumelwano samalungelo okusasaza imidlalo ayethengiselwe inkampani yaseFrance. Into yokuqala uGqirha Motsepe ekulindeleke ayenze kukufumana inkampani eza kuthenga amalungelo okusasaza yonke imidlalo yeCaf ifumaneke nasebantwini base-Afrika abangakwaziyo ukuyibukela ngoku.