UHanabe ubulela uPayi owamvula amehlo esemncinane

UVusikhaya Hanabe, 21, ngumdlali wombhoxo waseZwide, eBhayi, onomnqweno wokudlalela iqela lesizwe, AmaBhokobhoko Umfanekiso: Uthunyelwe

Indodana yaseZwide, uVusikhaya Hanabe, isebenza ngokukhulu ukuzimisela ngoba ifuna kufezekiseke iphupha layo lokudlalela AmaBhokobhoko ngenye imini.

UHanabe, 21, ngumdlali wasemva kwiqela lombhoxo laseBhayi ekuthiwa yiAfrican Bombers elidlala kwiEastern Cape Super 14.

Waqala ukudlala umbhoxo esemncinane kakhulu ebomini bakhe kwizitalato zaseZwide, eBhayi. Kufanelekile ngokuba wayefuthelwa ngamagqala awayewudlala ntsuku zonke phambi kwakhe.

Amaqela amancinci weBombers (Under-11, 15 ne19) uwadlalele onke, kodwa uthi ukudlalela iqela elidala kuyiphucule kakhulu indlela adlala ngayo umbhoxo ngoku. UHanabe uthele thsuphe I’solezwe lesiXhosa ezinye zezinto ezimenza abe ngumdlali ongcono namhlanje.

“Mkhulu kakhulu umahluko embhoxweni endandiwudlala kuqala xa ndiwuthelekisa nalo ndiwudlala ngoku. Umdlalo wam uphucukile kakhulu. Xa sifundiswe into entsha, ndiyaqinisekisa okokuba ndizinika ithuba lokuzilola ngokuziqeqesha ndodwa. Ukuzilolonga nabanye abadlali akuphelelisi. Indlela yokugqibelela kukuzinika ithuba wenze la nto beniyifundisiwe uwedwa,” utshilo uHanabe.

Amaciko akwaXhosa anentetho ethi: Inyathi ibuzwa kwabaphambili. Ngamanye amazwi, indlela yaziwa ngowakhe wayihamba. Naye uHanabe uxhamle kubulumko babantu abafana noXolela Payi – owayengumdlali wombhoxo noxa engazange akwazi ukuya kwinqanaba eliphezulu.

“Ndiyamthanda kakhulu uMnu. Payi ngoba ndingulo mdlali ndinguye namhlanje ngenxa yakhe,” utshilo uHanabe.

“Yayinguye owayendityhilela ubomi bombhoxo ndisemncinane. Nangoku usayenza lo nto. Nguye owandixelelayo indlela oziphatha ngayo nendlela ozenza ngayo izinto xa ungumdlali wombhoxo. Wayendivusa ekuseni siyokubaleka, sidlale eDan Qeqe Stadium senze nezinye izinto,” utshilo umfana waseZwide.

Abadlali beBombers babuye bephoxekile emdlalweni weveki ephelileyo emva kokubethwa yiSwallows ngo’25-21 emdlalweni obalulekileyo.

“Besizimisele ngamandla kula mdlalo. Qha ingxaki siye satyiswa ngusompempe osohlwayele izinto ezingekhoyo. Nakwelethu icala, zininzi iibhola esizilahlileyo phambi kweepali,” utshilo uHanabe.

Ngempelaveki, iBombers inethuba lokuxolisa iintliziyo zabalandeli bayo xa idibana neOld Selbornains emdlalweni we-EC Super 14.

“Singaqhuba kakuhle ukuba singazimisela silungise neempazamo esizenzileyo emdlalweni ogqithileyo. Kufuneka siye ebaleni sisazi ukuba siza kwenza ntoni,” uvale ngaloo mazwi uHanabe.