UJho ufuna ukuphokozela abatsha ulwazi

Umdlali wombhoxo, * -Andile Jho uzimisele ukucuntsulela abadlali abatsha kulwazi lwakhe xa eqala kwiGinsberg Rugby Club Umfanekiso: Uthunyelwe

Emva kokudlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu kumaqela ohlukeneyo, ngoku uAndile “Ace” Jho ufuna ukuphokozela abadlali abasebatsha kwimvaba yakhe yolwazi aluzuze eminyakeni egqithileyo.

UJho ukuthethe oku xeshikweni encokola neli phephandaba kule veki.

“Ndifuna ukugqithisa ulwazi endinalo kubadlali bombhoxo abasebancinane. Ndiyathemba nabo abadlali baza kulilangazelela ulwazi endifuna ukubaphokozela lona,” utshilo uAce odlalela iGinsberg Rugby Club.

UJho yimveliso yezinye zezikolo ezaziwayo ngokuqhuqha italente kwezemidlalo. Eso sikolo yiDale College yaseQonce aphume kuyo ngo2010 phambi kokutyikitya isivumelwano seminyaka emibini kwiBlue Bulls ngo2012.

KwiBulls udlalele amaqela amancinane (Under-19, 21) – kodwa wagqiba kwelokuba azichithe iintente kwakucaca okokuba akalinikwa ithuba lokudlala nempathombi awayifumanayo. Emva koko, uAce uye kwiNelson Mandela University edlala itumente yombhoxo kazwelonke yamaqela eeyunivesithi zaseMzantsi Afrika.

Noxa izinto zingamhambelanga ngendlela efanayo nabadlali abafana nooMakazole Mapimpi nooLukhanyo Am kodwa akakhali uJho ngoba uqokelele izinto ezibe lulutho ebomini bakhe kwiindawo ebekuzo kwaye uphakathi kwamadoda ahlonitshwayo embhoxweni eMpuma Koloni.

“Kuninzi endikuzuzileyo ekudlaleni kwam umbhoxo. Ndifumene ithuba lokwazana nabantu abaninzi, ukukwakha ubuhlobo kanti ngenxa yokuzimisela, ndaye ndafumana inkxasomali (Bursary) eyandincedayo ndafumana imfundo enomsila. Xa ungumntu ozimiseleyo embhoxweni, maninzi kakhulu amathuba onokuwavulelwa ngumbhoxo,” utshilo uJho okhale kakhulu ngekhorona emoshe izinto ezininzi kwezemidlalo.

“Iphazamise kakhulu ikhorona ngoba ulutsha alukwazanga ukufumana ithuba lokubonwa ngabacholacholi betalente kwiCraven Week. Ngoku kwakufuneka balinde unyaka ozayo. Into endiyifunayo kukuqeqesha abadlali abasakhulayo. Italente ifele apha eMpuma Koloni kodwa abadlali bafuna ukuxakathiswa ngezakhono ukuze umdlalo wabo ukwazi ukugqibelela,” utshilo.