UJordaan uyiqhwabele izandla iMagesi

Ibhola ekhatywayo kwiphondo laseLimpopo ibonakalisa ukuphucuka, ingakumbi kwisizini ka2015/2016. Ngaphandle kokunyuselwa kweBaroka FC ukuba idlale kwiPremier Soccer League kwisizini ezayo.

Ezinye iindaba ezizakuvuyisa abalandeli bebhola ekhatywayo kwela phondo kukunyuka kweMagesi FC ezakudlala kwiNational First Division kwisizini ezayo.

IMagesi zintshatsheli ze-ABC Motsepe emva kokubetha iqela laKwaZulu Natal iKings United ngo’5-3 kwiipenalthi. Lo mdlalo wamagqibela kankqoyi wokulwela ukudlala kwiNFD, ubudlalelwa eDr P Molemela eBloemfontein emva kwemini ngeCawa. Lo mdlalo uphele la maqela mabini ebambene ngegowuli macala.

Ngaphandle kokuzibekela indawo kwiNFD kwisizini ezayo, iMagesi iphumelele imali engangesigidi seerandi nezakubancedisa ukulungisa izinto xa eliqela lilungiselela ukudlala kwinqanaba elingentla kweli belidlala kulo.

IKings ukubethwa kwazo akuzisusi ekukhanyeni kuba nazo zizakuya kwiNFD, kwaye eliqela liza kufumana imali engangesiqingatha sesigidi seerandi. IMagesi khange ibethwe nakomnye umdlalo wayo kule midlalo itsale isithuba esingangeveki yonke. Igowuli lokuqala lomdlalo nelibeke iMagesi phambili, lifakwe nguTshimangadzo Ramaxwaila emva kokuba enikwe ibhola esuka ecabangeni.

Khange kudlule nomzuzu emva kokuba iMagesi ifake igowuli eliyibeke phambili, iKings yaphindisa ngegowuli elifakwe nguThobani Kunene.

“Umgangatho ekuwo ibhola edlalwa apha ubonakalisa mhlophe ukuba kutheni inkxaso yeMotsepe Foundation efakwe kwi-ABC Motsepe iyitshintshile indlela ejongwa ngayo ibhola ekhatywayo kweli,” utshilo uMongameli weSAFA UDanny Jordaan. Iqela lalapha eMpuma Koloni iTornado FC nalo belithatha inxaxheba kule midlalo kodwa khange liphumelele nomnye umdlalo kwemithathu.