Ukhona ozokhala ngomso!

Ke Yona! Itsho iNebank Cup. Amasi abekwe elangeni, umphokoqo unexhala.

Ngomso kuzodlana iintsimbi xa kudibana i-Orlando Pirates neSuperSport United kumdlalo weNedbank Cup ePeter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga.

Ngumdlalo lo ekulindeleke utak’iintlantsi, ngowokuvala isizini futhi omabini afuna shushu le ndebe. Isizini ka’2015/16 ibimbi kakhulu kuwo omabini la maqela, kwaye angene ngamacebo alusizi kuluhlu lwamaqela asibhozo aphambili kwiPSL.

UStuart Baxter ufike ekuqaleni kwalo nyaka ezokuhlangula iSuperSport United ebizika phantsi kukaGordon Igesund owayeqale isizini. Uzamile ke kambe ukulungisa izinto ngoba Amatsatsanta A Pitori aqhube kakuhle kwiNedbank.

Ngoku afuna ukuphumelela indebe phambi kokuvala isizini ngokusesikweni. UBaxter yindoda eyaziyo ibhola yalapha eMzantsi Afrika futhi ekwaziyo ukuthatha iindebe. Uyenzile lo nto ngethuba eqeqesha iKaizer Chiefs, apho ashiye iindebe ezine phantsi kwegama lakhe. Kwelinye icala nguTinkler ongenamava abhelekephi kwicala leendebe. Nangoba esafuna indebe yokuqala uTinkler, kodwa uyakwazi ukuqeqesha. Uzibonakalisile ngethuba iPirates idlala kwiCaf Confederation Cup. Wayithatha iBucs phantsi wayibeka kumdlalo wokugqibela weConfederation.

Ukunxanelwa kwakhe indebe kuselubala, ufuna iNedbank ukuze aphucule imbali yakhe njengomqeqeshi, ngoku lithuba lakhe lokuqaqamba. Amava akhe uBaxter angamthethelela kodwa ngoba iPirates ifuna ukubuyisa isixhiba emva kokukhutshwa yiSuperSport United kolu khuphiswano kunyaka ophelileyo. AmaBhakaniya afuna ukubuyela

kwimidlalo yeCaf kakubi, lo gama yona iSuperSport United ifuna ukubuyisa ubungangamsha bayo kwibhola yoMzantsi Afrika. Umdlalo obuphakathi kwala maqela ePSL kwiveki ephelileyo uphele ebambene ngo’2-2 e-Orlando Stadium.