UKhoza unika uxanduva amaqela ePSL

Dr Irvin Khoza, ongusihlalo wePSLumfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Usihlalo wePremier Soccer League, ugqirha Irvin ‘Iron Duke’ Khoza, uthi luxanduva lawo onke amaqela adlala kwiPSL ukuqinisekisa ukuba aqhuba kakuhle kwimidlalo yokhuphiswano lweCaf.

Oku ukuthetha kanye emva kokuba iMamelodi Sundowns iphumelele iCaf Champions League phambi kokuphela kuka’2016.

IiBrazillians zilandela i-Orlando Pirates eyaphumelela le ndebe okokuqala ngo’1995.

Nangona ike yazama iPirates ukufumana le ndebe ngo’2013 – kodwa yaguqiswa phantsi yi-Al Ahly yase-Egypt. Nayo iDowns yabethwa kwaleli qela linye ngo’2001.

Impumelelo yeSundowns yinto enkulu kuyo, kwiPSL nakuMzantsi Afrika uphela. Lo nto imchulumanzisile uKhoza nabantu baseMzantsi Afrika ngokubanzi.

Ethetha kwinkqubo yezemidlalo yeMetro FM, ugqirha Khoza, uwakhumbuzile amaqela eli lizwe ukuba anoxanduva lokudlala kakhuhle kwimidlalo yeCAF.

“Ndonelisekile yimpumelelo yeSundowns ngoba ndiyamazi umongameli wayo, uPatrice Motsepe, indlela ayixhase ngayo. Ukumela iPSL luxanduva lawo onke amaqela adlala imidlalo yeCAF. Kubalulekile ke njengokuba iSundowns namanye amaqela aqhubele phambili nokudlala kakuhle. Eli lixesha lokuba sithethe ngempumelelo,” utshilo uKhoza.

Indoda encede iSundowns ukuze ifumane impumelelo nguPitso Mosimane – othe wanikwa iwonga yiCaf kwiveki njengomqeqeshi oqaqambileyo e-Afrika.

“UPitso ngumqeqeshi osebenza ngokuzimisela. Uyawuthanda kakhulu umsebenzi wakhe. Xa usebenza ngokukhuthala izinto ezafana nezi ziyakulandela,” utshilo uKhoza.

Kule veki umongameli weMamelodi Sundowns, uPatrice Motsepe, ubhengeze ukuba uPitso Mosimane utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emine – lowo ngumbulelo emva komsebenzi omhle awenze kwiminyaka emine edlulileyo.

Kwiveki ephelileyo iMamelodi Sundowns ibuye namawonga aphambili kumsitho weCAF obubanjelwe eNigeria.

IDowns ichongwe njengeqela lonyaka, uMosimane wabuya newonga lomqeqeshi waze yena uDenis Onyango wangumdlali wonyaka kwabadlali apha e-Afrika.