UKhune ukhala ngobushushu

Abalandeli bebhola bakhala ngokubanda komdlalo obuphakathi kwe-Orlando Pirates neKaizer Chiefs kwimpelaveki ephelileyo. La maqela abambene ngeqanda macala kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eFNB Stadium.

Omabini la maqela akakwazanga ukusebenzisa amathuba okufaka amagowuli awafumeneyo kulo mdlalo obubukelwe ngamawaka-waka abalandeli bebhola ekhatywayo. Unozinti weChiefs, * -Itumeleng Khune, uthe ubushushu bubenalo igalelo kwindlela abawudlale ngayo umdlalo ngala mhla.

“Ubushushu basichaphazela. Umthetho wethu sesiqhele ukudlalo ebusuku. Lo nto yenze singakwazi ukudlalo umdlalo wethu wesiqhelo,” utshilo uKhune kwikhasi lomnatha weChiefs ekuqaleni kwale veki.

Nangona iqela lakhe lingakwazanga ukubetha iPirates – kodwa uKhune uthe wanelisekile ziziphumo zomdlalo ngoba akufakwanga gowuli kuye ekugqibeleni.

Lo ibingumdlalo wesithandathu ilandelelana, kungafakwa gowuli kwiChiefs. Amakhosi asangcambaza kakuhle emva kokugqwidiza ekuqaleni kwesizini ka’2016/17.