UKjell Jonevret ugxeleshe idabi laseSoweto

Umqeqeshi we-Orlando Pirates omtsha, uKjell Jonevret, ubeke iliso lakhe kumdlalo omkhulu ophakathi kweqela lakhe neKaizer Chiefs kwiveki ezayo.

“Ndiyayithanda ibhola ebalekayo. Kubalulekile ukufumana indlela yePirates yokudlala. Kukho umdlalo weChiefs kwiveki ezayo,” utshilo uJonevret.

Njengomntu omtsha kuye kwanyanzeleka ayicacise indlela asebenza ngayo. “Ndizakusebenza ngendlela yam yesiqhelo, ndiyayazi izinto zahlukile apha eMzantsi Afrika – kodwa ndizimisele ukufunda indlela ekwenziwa ngayo izinto. Ndisebenzile nabadlali balapha e-Afrika. Ndiyibonile nendlela edlale ngayo iPirates kwimidlalo embalwa,” utshilo uJonevret.

Abantu bebelindele kuqeshwe uDan Malesela okanye uBenni McCarthy – kuthe kwakuthi gqi indoda engaziwayo babuza imibuzo: ingaba ngubani le ndoda? “MolweniNdisuka eSweden, ndineminyaka eyi-54. Ndisebenze kumazwe afana neSweden neNorway, ngeke ndixoke – andinalo ulwazi kakhulu nguMzantsi Afrika. Ndisebenzile kodwa nabadlali balapha abafana noSiyabonga Nomvete noLance Davids kwaye ndinomhlobo apha uStuart Baxter,” utshilo xa ezazisa uJonevret.

Uza kwiPirates namava nolwazi lwebhola oluphangaleleyo emva kokusebenza neqela lesizwe azalelwe kulo njengomcebisi omkhulu, uqeqeshe amaqela amakhulu anjenge-AIK neDjurgardens IF aphumelele iindebe. Kanti ngo’2011/12 ebelisekela mqeqeshi weSweden kwaye unayo ne-UEFA Pro Licence. “Ndiyalibulela ithuba lokusebenzela iPirates, ndinethemba lokumbuyekeza usihlalo ngokundithemba,” uvale ngalo mazwi uJonevret.

Lo mqeqeshi uzakuncediswa nguHerold Legodi neBenson Mhlongo. Ugqirha Irvin Khoza uthe akalindelanga ukuba afumane iziphumo ngokukhawuleza umqeqeshi – kodwa ukubalule ukubuyela kozinzo kwiqela lakhe, enye nenye ingalandela. Kulindeleke uKjell aqale ukusebenza kwiveki ezayo ngenxa yamaphepha okusebenza asalungiswayo. IBhakaniya lamkela iPolokwane City kumdlalo wePSL ngoMgqibelo e-Orlando Stadium ngo’15:30.