UKomphela ushumayela umanyano

USteve Komphela, umqeqeshi weChiefs ethetha noSiphiwe Tshabalala noHendrick Ekstein weKaizer Chiefs kumdlalo weAbsa Premiership 2017/18 phakathi kweKaizer Chiefs neChippa United eFNB Stadium UMfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weKaizer Chiefs akafunwa ngabalandeli – kodwa yena umile ngelithi akayi ndawo.

Kwiveki ephelileyo, uSteve Komphela, uphume ngezipha zemicinga ebaleni emva kokuba abalandeli abebenomsindo bevumbulule udushe ngenxa yokuhlazwa [kweChiefs] yiChippa United ngo’3-0 kumdlalo obuseFNB Stadium.

Into engacacanga edlalwe ngabadlali beChiefs ebaleni ishiye abalandeli bedandathekile – leyo ikwa yinto ebangele bagibisele izinto ezingamkelekanga ebaleni.

Iziphumo zomdlalo azimxolisanga naye uKomphela – kodwa uthi endaweni yokulwa, abalandeli neqela lilonke mabamanyane ngoba bebonke bafuna into enye: impumelelo.

Okwangoku ifana nentsomi lo nto ngoba abalandeli banyamezele into esondele kwiminyaka emithathu kungekho ndebe engenileyo eNaturena.

Nakubeni kunjalo, uKomphela usenethemba lokuba ikhona into eyakwenziwa liqela lakhe.

Emva kovuthululwa yiChippa United, ngoku Amakhosi ahleli kwindawo yesine kwiPSL.

Isekhona intlantsi yethemba lokuphumelela iNedbank Cup – kodwa kufuneka iphumelele imidlalo emibini kuqala.

Seso sizathu esibangela uKomphela ashumayele umanyano. Ngamanye amazwi uzama ukuthi kuse kuninzi kakhulu okunokulwela yiChiefs kwixesha elizayo xa bebambene.

“Kufuneka uzilungiselele ezinye izinto. Ngumntu owomeleleyo oqondayo ukuba indlela enje ayilulanga. Abalandeli abayilindelanga indlela ebethwe ngayo iChiefs,” utshilo uKomphela emva kokubethwa yiChippa.

Amakhosi amkela iPlatinum Stars esokolayo emsileni kumdlalo weAbsa Premier Soccer League ozakube useFNB Stadium ngo’20:15 ngoMgqibelo.

Kulapho iqela likaKomphela liza kuzama ukuquma khona ihlazo nokulungiselela umdlalo weNedbank ozayo. Nangona kukho abalandeli abathi makahambe umqeqeshi – kodwa yena uthi soze ayenze lo nto.

“Ngeke ndibaleke. Okwam kukwamkela xa izinto zingahambi kakuhle, ndizame ukunceda nokukhusela abadlali. Xa ungumqeqeshi kufuneka uzilindele izinto ezinje. Into enokusinceda kule ngxaki kukumanyana. Kutheni ukubethwa kwethu kungenakusidibanisa siye kwiNedbank sibumbene?” utshilo uKomphela.

Kukhangeleka ngathi iMamelodi Sundowns neOrlando Pirates zezona zakuvala isizini ziphezulu – kodwa Amakhosi anokulwela indawo yesithathu ukuze adlale imidlalo yeCaf kunyaka ozayo.