UKomphela uyivumile induku eGoble Park ngale njikalanga

Harris Tchilimbou of Free State Stars and Bongani Sam of Bloemfontein Celtic during the Absa Premiership 2018/19 game between Free State Stars and Bloemfontein Celtic at Goble Park in Bethlehem on 06 October 2018 © Frikkie Kapp/BackpagePix

IFree State
Stars ifake amanqaku amathathu engxoweni lula namhlanje emva kokubetha
iBloemfontein Celtic ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) kumdlalo we-Absa
Premier Soccer League obumhle ngeyona ndlela eGoble Park Stadium ngale
njikalanga. Emva komdlalo uSteve Komphela uvumile okokuba iqela lakhe khange likwazi ukudlala umdlalo odibeneyo. Amakhwenkwe kaLuc Aymael aye emdlalweni wanamhlanje enomsindo emva
kokubethwa ngo’1-0 yiChippa United kumdlalo wePSL obudlalelwa eNelson Mandela
Bay Stadium ngokuhlwa kwangoLwesithathu kule veki. UHarris Tchilimbou nguye
otsazise igazi kuqala ngebhola ayingqube ngentloko isuka ekoneni. Kanti igowuli
lesibini lifakwe nguSinethemba Jantjie kwisigaba sesibini emdlalweni.

Umdlalo ububambene
kwingqatsini yelanga yaseBethlehem – kodwa uye watshintsha kwakufakwa igowuli
yiFree State. Kuye kwanyanzeleka ukuba avale iibhola ezinzima uPatrick Tignyemb
ebezikhatywa ngabadlali beFree State Stars kuzo zozibini izigaba zomdlalo. ICeltic
eyiqale ngeyona ndlela encomekayo isizini ibiqala ukuphulukana nomdlalo kwaye
isahleli kwindawo yesine kwiPSL. Kanti impumelelo ezuzwe yiFree State Stars
namhlanje iyithathe yayilahla kwindawo yeshumi elinanye. Le ibiyimpumelelo ye-Ea
Lla Koto yesibini kule sizini eqgubayo. ULuc Eymael umthe chu ngokumbetha
uSteve Komphela. Phambi kokusongwa kwesizini ka-2017/18, yiFree State
eyabanjela aphume ngezipha zemicinga ebaleni uKomphela owayefunwa esiqwini
ngabalandeli beKaizer Chiefs.

Free
State
Stars: Sangare,
Mobbie, Makhaula, Mahamutsa, Phungwayo, Tema, Maruping, Dlamini, Jantie,
Tchilimbou, Bhengu.

Amalalela: Kwizera, Mbhele, Masina, Jappie, Gandze, Moseamedi,
Rodgers.

Bloemfontein Celtic: Tignyemb, Sam, Pfumbidzai, De Jongh, Mabena,
Mashikinya, Masuku, Gordinho, Dlamini, Phalane, Mabasa.

Amalalela: Dambe, Baloyi, Lingwati, Potsane, Motshegwa, Abondo,
Letsoalo.