Isankxwe ngoNene oxolisa ngokuxoka

UMphathiswa wezeziMali uNhlanhla Nene UMFANEKISO: COURTNEY AFRICA

Kutshila ingxokolo kumakhasi onxibelelwano emva kokuba uMphathiswa wezeziMali uNhlanhla Nene ecele ukuxolelwa ngabantu beli lizwe, esithi bekufanele wayithetha kudala into yokuba ukhe wadibana izihlandlo eziliqela nosapho lakwaGupta.

Oku kwenzeke ngethuba uNene wayenguSekela Mphathiswa wezeziMali kwanangethuba enguMphathiswa buqu kweli sebe.

Kudliwanondlebe nejelo likamabonakude kwiivekana emva kokugxothwa kwakhe ngobesakuba nguMongameli uJacob Zuma kweyoMnga ngo2015 , uNene wavakalisa ukuba wadibana nosapho lakwaGupta kwiindibano zasesidlangalaleni kuphela.

“Ndikhe ndadibana nabo kwiindibano zasesidlangalaleni izihlandlo ezibini, kodwa kwaphelela apho – andizange ndiphinde ndibizwe ngabo,” watsho uNene kolu dliwanondlebe.

Kodwa ngoLwesihlanu uNene ubhale imbalelwano esithi wadibana nosapho lakwaGupta bucala eMidrand naseSaxonwold, eRhawutini, izihlandlo eziliqela esithi: “Kwakugwenxa ukubamba iindibano nosapho lakwaGupta kwindawo yabo. Kwakufanele ukuba ndikwenze oku e-ofisini yam okanye kwindawo kawonkewonke.”

UNene uthi ibeyimpazamo le yokungadizi ngezi ndibano. “Ndingumntu nam, ndiyazenza iimpazamo nezigqibo ezingagqibelelanga. Ndiyazisola ngale nto, ndicela ukuxolelwa,” utshilo uNene, engakhange adize ngeyona nto eyayithethwa kwezi ndibano.

Kule veki uNene unike ingxelo kwisithebe sengxoxo esigwadla umbandela wokubanjwa ngobhongwane kombuso lusapho lakwaGupta. Le ngxelo kaNene igxekiwe yiEFF.

Abasebenzisi bakaTwitter noFacebook bebethe gqolo ukukhwela bezehlela kuNene bemgxeka ngokungathethi inyani ngelithi yinto ebekufanele ukuba kudala eyithethile le.