UKwem uthi bafuna amanqaku amathathu kwiPirates

Ukapteni weChippa United, uAugustine Kwem, uthi iqela lakhe likulungele ukudibana ne-Orlando Pirates esabhiyozayo emdlalweni weDStv Premiership oza kube use-Orlando Stadium namhlanje ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya. Ezimnyama ziza kwamkela iChippa zinethemba lokuqhubela phambili nokudlala kakuhle kule sizini, ngakumbi emva kokuphakamisa indebe yeMTN8 kwimpelaveki egqithileyo.

Kanti lona iqela laseMpuma Koloni lifuna ukulungisa izinto emva kokubethwa kwalo yiBaroka FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obuseLimpopo ngomhla wesithandathu kule nyanga yoMnga. UKwem uthi balindele umdlalo onzima kakhulu xa bedlala nePirates – kodwa baya kuyo benethemba lamanqaku amathathu.

“Umdlalo uza kuba nzima kakhulu ngoba siza kudlala neqela eliphumelele indebe kutshanje. Sizimisele ke ukusebenza ngokukhuthala ngoba siya kwiPirates sifuna amanqaku amathathu. Kule veki, siye sazama ukulungisa iimpazamo esizenza kakhulu emidlalweni. Sinethemba lokudlala umdlalo ongcono,” utshilo uKwem kuFacebook weqela lakhe.

Emidlalweni emithandathu, iChippa United iqokelele amanqaku amahlanu qha. Ukuba iChippa ingabethwa emdlalweni wanamhlanje, lo nto iya kubeka uxinizelelo kumqeqeshi wayo, uLehlohonolo Seema. Ekuqaleni kweveki, iChippa ithe umdlalo ebiza kuwudlala naMaZulu ngempelaveki eMonti, uza kudlalelwa KwaZulu-Natal ngenxa yeKhorona.