ULarsen uzimisele ukutshayela kwanto ephambi kwakhe

Umqeqeshi weGolden Arrows, uClinton Larsen, ubuyele encumile eMonti, apho iqela lakhe belidlala khona ngempelaveki edlulileyo.

IChippa ne-Arrows zibambene ngeqanda macala kumdlalo odlalwe phantsi kweemozulu embi. Nangona iqela likaLarsen belibekwe phantsi koxinizelelo yiChippa, kodwa ubancomile abadlali bakhe.

“Iimeko ebesidlala phantsi kwazo bezingasivumeli ukuba sidlale umdlalo wethu wesiqhelo,” utshilo uLarsen. “Abadlali bethu badlale kakuhle neChippa edlala umdlalo ophucuke kakhulu. Abadlali bebebambene kakuhle emva, lo nto iyithintele iChippa ayakwazi ukugqobhoza,” utsho uLarsen.

Lo mqeqeshi ugxeleshe amanqaku amane ukuze iqela lakhe likwazi ukungena phakathi kwalawo asibhozo kwi-Absa Premier Soccer League ekupheleni kwesizini.

“Siqokelele amanqaku asixhenxe kwimidlalo yethu emithathu, ngoku sisele nemibini. Sinethemba lokufumana amanqaku amane ubuncinane kulo midlalo. Ndinethemba lokuba loo manqaku ayakusithatha asingenise kule ndawo siyifunayo,’’ utsho uLarsen.

NgoLwesithathu i-Arrows yamkela iJomo Cosmos kumdlalo wePSL ozakube usePrincess Magogo Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya.

Ezenkosi zizama ukusinda ezembeni, kwaye zisemizameni yokuqokelela amanqaku. Omabini la maqela afuna amanqaku ukuze abekwiindawo azifunayo ekupheleni kwesizini.

Umqeqeshi weCosmos, uJomo Sono, ubethe ngenqindi phantsi ngelithi kule isizini iqela lakhe sobe lithotyiselwe. Lo nto iyodwa nje yenza lo mdlalo ubenomdla kakhulu.

Omabini la maqela adlala umdlalo omhle kakhulu, kodwa omabini ingxaki anayo kukungasebenzisi amathuba ngendlela efanelekileyo.

Umdlalo weGolden Arrows olandelayo nongowokugqibela kule sizini kulindeleke iwudlale ne-University of Pretoria ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga.