ULebogang Manyama uthengiselwe iqela laseTurkey!

ULebogang Manyama weCape Town City uthengiselwe iqela laseTurkey ngale njikalanga. Umfanekiso: BackpagePix

Ekugqibeleni, umdlali ophambili weCape Town City, uLebogang Manyama, uthengiselwe iqela laseTurkey. UManyama utsale umdla wamaqela amakhulu eMzantsi Afrika naseYurophu emva kokudlala kakuhle kwisizini ye-Absa Premier Soccer league ka’2016/17 afumene kuyo iwonga lomdlali ofake amagowuli amaninzi nelo lomdlali oqaqambileyo kwilizwe lonke. Isivumelwano ngokuthengiswa kwalo mdlali yiCape Town City kwiKonyaspor siququnjelwe ngale mva kwemini. Kodwa nangona kunjalo, kulindeleke ukuba uManyama aqale enziwe uvavanyo lwempilo kwiveki ezayo phambi kokuba abengumdlali ngokupheleleyo weli qela laseTurkey.

Lo mdlali uyinxalenye yeqela lesizwe, iBafana Bafana, elizakudlala umdlalo ohlakulela indebe yehlabathi ka’2017/18 neCape Verde ngomso ngokuhlwa. UManyama ebefunwa kakhulu nguPitso Mosimane kwiMamelodi Sundowns – kodwa akakwazanga ukuya kuyo emva kweengxelo ezithi uJohn Comitis khange oneliseke yimali ebizimisele ukumthenga ngayo. UManyama ngumdlali wokuqala weCity othengiselwe iqela laseYurophu emva kukadlala kwayo isizini yokuqala njengeqela laseKapa. UComitis uxelele i-Independent Media okokuba ebengafuni kakade ukuthengisela amaqela akhuphisana nawo umdlali wakhe kwaye yayingumbono wakhe kwantlandlolo ukuthumela abadlali eYurophu – apho banokuthi baphuhlise izakhono zabo khona.

“Ndanditshilo kwasekuqaleni ukuba iCity izakuba liqonga lokuphuhliswa kwezakhono zabadlali abafuna ukuya phesheya. Le yintengiso yokuqala. Njengokuba sinoBenni McCarthy, uzakudlulisa amava wakhe apha ebadlalini njengomntu odlale eYurophu ixesha elide. Ndiyamvuyela uManyama kwaye yile nto ebeyifuna le yenzekileyo. Ngoku ufumene ithuba ebelilangazelela,” utshilo uComitis.

Usihlalo weCape Town City uvumile ukuba akayifumenanga imali ebeyifuna ngalo mdlali. “Ekugqibeleni, ibingeyomali eyona nto ibibalulekile ngaphezulu kokufunwa nguManyama,” uvale ngalo mazwi uComitis.

Yona iCity ityikitye uTercious Malepe obedlalela Amajita ne-Orlando Pirates ngemboleko kude kuphele isizini.