ULinda Shiba uyankqonkqoza kwiChippa edlala kwiPSL

ULinda Shiba weChippa United nomsasazi weDSTV. Umfanekiso: Pedro Mapelo

IChippa United, edlala kwiMultiChoice Diski Challenge, ixikixene neMamelodi Sundowns kwamdak’iisali namhlanje kumdlalo obunzima ophele ngo’1-1 eSisa Dukashe Stadium.

Eli lihlumelo leChippa United edlala kwiPremier League, liqela elisesandleni ezinobunono zikaGlen Monnie – omnye wabaqeqeshi abanekamva elihle kwibhola eMzantsi Afrika.

Oyena mdlali othe wabalasela kumdlalo wanamhlanje yifolosi ethe ncothu kamnandi egama linguLinda Shiba.

Nguye kanye ophihlize udonga lwabadlali beDowns emva watsho wafaka igowuli leChippa United.

UShiba ngumdlali onobuchule obumangalisayo ezinyaweni, ucinga ngokukhawuleza futhi ukrelekrele. Akanguye umdlali ozimela ngabanye – italente anayo uyincedisa ngokusebenza nzima.

Eli liphephandaba lincokole naye eSisa Dukashe Stadium – apho limbuze khona ngomdlalo weChippa United wokugqibela kulo nyaka.

“Umdlalo wethu ubungekho mbi, kodwa into endiyiphawuleyo kubadlali bethu, kukuba baye bonganyelwa kukudinwa ekuzeni kuphela komdlalo. Kuye kwakhona ukutsaleka kwemisipha kwabanye, phofu ndisola ukungagqibeleli kwemilenze ngenxa yokuhlala ixesha elide singadlali,” utshilo uShiba.

Le ndedeba isole ukudinwa njengoyena nobangela wokubhutyuza amathuba phambi kweepali zikanozinti weSundowns emdlalweni.

Njengokuba uMinnie esithi abadlali abathile banikwa ithuba lokudlala neqela elikhulu – lo mdlali uhlaselayo ngomnye wabo bazakuthi banyuselwe ngokukhawuleza ukuba akayekelelanga umxakatho.

Ibhola uyayidlala, uyakwazi ukubaleka futhi uyasebenzisana nabanye abadlali ebaleni.

Ukuba le midlalo yeMDC uyisebenzise kakuhle ukuze alole isakhono sakhe – uyakuthi engena kwiqela likaDan Malesela abe evuthwe dubhu.

Ukuba inganyuselwa le dyongwana ngoku kusekho uDan Malesela – ingancedakala kakhulu ngoba unesiphiwo sokuvelisa abadlali babezizinto ezinkulu.

Namhlanje emini iKaizer Chiefs ivuthulule iMaritzburg United ngo’3-1 kumdlalo obubanjelwe kwaseSisa Dukashe Stadium.